Ezemidlalo

IChippa neChiefs bezidibene ngomdlalo odikidiki eNelson Mandela Bay Stadium

Pedro Mapelo|Published

Umdlalo weBetway Premiership obuphakathi kweChippa United neKaizer Chiefs uphele kungekho gowuli eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya namhlanje.

Image: Yanga Nothanga/Maya Images

Abalandeli abasondele kumashumi amabini amawaka bagoduke bephoxekile emva komdlalo ophele untanganye eGqeberha. Oku kwenzeke emva kokuba iChippa United ibambene ngeqanda neKaizer Chiefs emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya lwanamhlanje.

Emva kokukhupha iMamelodi Sundowns kwiNedbank Cup kwiveki ephelileyo, abantu abaninzi bebenethemba lokuba iza kukhuthazeka iChiefs - kodwa endaweni yoko, ibuyele kwikakade layo. Isiqalo somdlalo sitake iintlantsi nakubeni abadlali bebetyibilika kwibala ebelikhangeleka limanzi.

Omabini amaqela azenzile iimpazamo - kodwa akwazile ukuya phambili. UGaston Sirino ebeyinkathazo kwisigaba sokuqala nakubeni engekwazanga ukusondela kuStanley Nwabali ezipalini. Nayo kwelayo icala iChippa ityhale ngamandla inethemba lokuzuza into.

Ebekhona amathuba afunyenwe ngabadlali abafana noPule Mmodi angasetyenziswanga kwisigaba sokuqala esidlalwe ngesantya esiphezulu ngamaqela omabini. Emva kokuya kwisigaba sokuqala kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini, bekukho ithemba lomdlalo obhetele.

Ngelishwa labalandeli abazidinileyo baya ebaleni, kuye kwanyanzeleka ukuba babukele umdlalo odikidiki kwisigaba sesibini. Abadlali beChippa badlalele ukungaphulukani nomdlalo bakubona ukuba ithemba lokuphumelela alikho. Nakubeni umdlalo ubuphethwe yiChiefs kwisigaba sesibini - kodwa idlale into engacacanga.

Zonke iibhola eziye kuNwabali bezingenawo amandla. Umqeqeshi weChiefs, uNasreddine Nabi, uvakalise ukuphoxeka okukhulu emva komdlalo. Bonke abalandeli beChiefs bebenethemba lokubethelela lokuba iqela labo liza kubethelela indawo yalo kwiTop-8. Akubanga njalo kwakhona.

Nangona iChiefs isahleli kwindawo yesibhozo - kodwa akukho siqinisekiso ukuba iza kuvala ingaphakathi kwiTop-8 ngenxa yamanqaku ewalahlileyo emidlalweni engakwazanga ukuyiphumelela engaphezulu kwesine kwiBetway Premiership. Umdlalo obudikidiki uphele ebambene amaqela omabini.