Ezemidlalo

UMatiti uveza okulandelayo ngoSiyabulela Hem oyintshatsheli entsha

Pedro Mapelo|Published

USiyabulela Hem yintshatsheli entsha emva kokubetha uJohn Zile emlweni omkhulu obubanjelwe eMonti kwimpelaveki egqithileyo.

Image: Xaba Promotions

Emva kokuzuza itayitile entsha yehlabathi okokuqala, uAyanda Matiti ukwamkele ngovuyo ukuphumelela kukaSiyabulela Hem watsho ebalula izinto ezifanele ukulandela ebomini bakhe emanqindini.

UMatiti, okhokela inkampani yabathelekisi ephambili, iXaba Boxing Promotions, uxelele iSowetan ukuba uHem kufuneka aye kwinqanaba elilandelayo lamanqindi ngendlela ecwangcisiweyo ngoba akukho nto ayingxameleyo.

UHem, 22, yintshatsheli yeWBO junior-featherweight emva kokuba ebethe uJohn Zile waseGhana emlweni obuseChristian Centre Abbotsford, eMonti, kwimpelaveki edlulileyo. Abagwebi bonke bavumelene ukuba uHem uphumelele ngamanqaku emlweni obunzima kakhulu.

Le mbethimanqindi yaseDuncan Village, eMonti, ibiqala ukulwela itayitile yehlabathi ebomini bayo. UHem unyukele kwelinye inqanaba emanqindini emva kokuphumelela iitayitile zoMzantsi Afrika ezimbini phantsi kwegama lakhe. UMatiti uthe intshatsheli entsha akufuneki ingxamele ukuzigxama emakwenkweni amadala kungekho sidingo.

"Andimngxamelanga uHem. Xa ukwiTop-15, kukhona ubaphantsi koxinizelelo. Intshatsheli ezivayo ingakubiza xa ifuna," utshilo uMatiti. "Iitayitile ezininzi zikuNaoya Inoue. Nokuba bezingekho kuye, bendiza kumnika ithuba uHem ache alwe imilo emine phambi kokudibana naye. Kumlo olandelayo kaHem uza kukhusela itayitile yoMzantsi Afrika.

"Makaphumle ekhaya okwangoku emva koko ebuyele ejimini," utshilo uMatiti ongomnye wabathelekisi abamnyama (abambalwa) abakwizinga eliphezulu eMzantsi Afrika. Enye imbethimanqindi eqhube kakuhle kwitumente ebikwiveki ephelileyo nguSiseko Teyisi obethe uAbongile Jacob emlweni obushushu.

UMatiti uveza okulandelayo ngoSiyabulela Hem oyintshatsheli entsha