Ezemidlalo

IChippa neChiefs zidibana etshatshalazeni eGqeberha!

Pedro Mapelo|Published

UWandile Duba weKaizer Chiefs ezama ukushiya uSinoxolo Kwayiba weChippa United emdlalweni weBetway Premiership owawubanjelwe eMoses Mabhida Stadium kunyaka ophelileyo.

Image: BackPagePix

Abalandeli bebhola ekhatywayo baza konwabela umdlalo okwinqanaba eliphezulu ngempelaveki eGqeberha. Oku kulindeleke xa iChippa United isamkela iKaizer Chiefs emdlalweni weBetway Premiership ekulindeleke ukuba utake iintlantsi ngorhatya (17:30) ngoMgqibelo, eNelson Mandela Bay Stadium.

Kunyanzelekile iChippa United iliqule id iligangathe ngoba iza kudibana neChiefs ekhuthazekileyo kakhulu emva kokuba ibethe iMamelodi Sundowns emdlalweni weNedbank Cup osesemilebeni yabantu nangoku. Okwenza umdlalo unike umdla kukuba omabini amaqela alwela ukufumana indawo kwiTop-8 xa kusongwa isizini kwinyanga ezayo, uCanzibe.

Amakhosi ahleli kwindawo yesibhozo, anamashumi amathathu kuphela amanqaku. Emva kwawo yiChippa enamashumi amabini anethoba amanqaku. Kodwa okuhle kukuba iChippa inemidlalo emibini engekayidlali kuneChiefs. UThabo September, oqeqesha iChippa United, utsho phandle kutshanje eMonti ukuba iqela lakhe likhangela indawo kwiTop-8.

Uza kubeka ithemba lakhe kubadlali ababalulekileyo kwiChippa abafana noStanley Nwabali, uJustice Chabalala, Ayabulela Konqobe noGiovanni Philander. Akukacaci nokuba uSinoxolo Kwayiba uza kudlala na ngoba ingathi iChippa iyamthengisa noNwabali futhi baphosiwe yimidlalo ethile.

Kodwa ngenxa yokubaluleka komdlalo oseGqeberha, kunyanzelekile umqeqeshi aziqokelele zonke izikrweqe zakhe. Khange idlale kwiveki ephelileyo iChippa - kodwa ikhuthazekile nayo ngoba iyiphumelele imidlalo emibini yadlala ntanganye komnye. UNareddine Nabi namakwenkwe wakhe abakwazi ukulahla amanqaku kwakhona emidlalweni elandelayo ngokufana nakwimidlalo egqithileyo.

Nangona indawo yesithathu eyincamile - kodwa ukubuyela kwiCAF Confederation Cup okufunyenwe yiChiefs emva kokuqhuba kakuhle kwiNedbank Cup, kuza kukhuthaza abadlali bakhe bazame ukucima ihlazo elenzeke kwisizini egqithileyo. Emdlalweni wokuqala, Amakhosi aphumelela ngegowuli elinye eqandeni.

IChippa neChiefs zidibana etshatshalazeni eGqeberha!