Ezemidlalo

Umqeqeshi weMarumo Gallants uyityityimbisela umnwe iPirates

Pedro Mapelo|Published

UGabadinho Mhango weMarumo Gallants exhagwe ngabadlali be'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership obukwinyanga egqithileyo.

Image: MG/Facebook

Umqeqeshi weMarumo Gallants, uAbdeslam Ouaddou, uyilumkisile i'Orlando Pirates ngelithi iqela lakhe likulungele ukudibana nayo emdlalweni obalulekileyo. Namhlanje ngentsimbi yesithathu emalanga, iMarumo Gallants iza kudibana nePirates emdlalweni weNedbank Cup oza kub ujongwe ngamehlo abomvu e'Orlando Stadium.

Ngumdlalo obalulekileyo kakhulu lo kwiMarumo ngoba ikhangela into engayikhuthaza njengokuba isilwela ukuphepha izembe. Kanti yona iPirates ilwela ukuphumelela iNedbank Cup kwakhona. Umsebenzi wakhe u-Ouaddou uza kuba lula kancinci ngoba iMarumo ikhuthazekile emva kokuyibetha ngamagowuli amabini iPirates emdlalweni wokugqibela.

Ingayinto enkulu ukubetha iPirates kwiqela elizinze kwiphondo laseFree State. Kufuneka iqela lakhe u-Ouaddou lizimisele kakulu emdlalwe oseSowto ngoba liza kudibana nePirates enamandla emva kokuqhuba kakuhle kwiCAF Champions League. "Akukho qela elincinci kwisigaba esikuso kwiNedbank Cup," utshilo umqeqeshi encokola neentatheli kutshanje.

"IPirates lelinye lamaqela amakhulu eMzantsi Afrika nakwizwekazi le'Afrika. Sijongene nomdlalo onzima kakhulu. Besikhe sadlala kakuhle nayo iPirates kwiiveki ezigqithileyo - kodwa nalo siya kuwo umdlalo mkhulu. Sizilungiselele kakuhle futhi siya emdlalweni sifuna ukuphumelela," utshilo umqeqeshi weGallants.

Ukuphumla kweMarumo Gallants ukukhabe njengento engabalulekanga umqeqeshi. "IPirates inabadlali abasemgangathweni ophezulu. Iza kudlala kakuhle nathi ngoba ayifuni ukuphulukana nendebe yeNedbank," utshilo u-Ouaddou.