Amakhosi abethe iMamelodi Sundowns emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eLoftus Stadium namhlanje ebusuku
Image: Facebook
Bashiyeke bethe khunubembe abalandeli beMamalodi Sundowns emva kokukhutshwa kweqala labo kwiNedbank Cup. oku kwenzeke emva kokuba Amakhosi enyathele iSundowns emdlalweni obushushu eLoftus Stadium namhlanje ebusuku.
Omabini amaqela aqale umdlalo kakuhle futhi kubonakala ukuba afuna ukufumana igowuli kwangoko. Akwenzekanga oko lehla nezinga lomdlalo ngoba bekungekho qela elifuna ukwenza iimpazamo. Emva kwexesha elide, iSundowns ide yalifumana igowuli kanye xa kuphela isigaba sokuqala.
UTeboho Mokoena ufake igowuli leSundowns. Kwisiqingatha sesibini, uxinizelelo belukwiChiefs ngoba yiyo ebuhamba emva. Kwakhona isigaba sesibini silawulwe yiSundowns kodwa yenze impazamo kwindawo embi kakhulu. Khange alibazise uWandile Duba, ufake igowuli emva kokurhuwula ibhola ebikhatywe kancinci ngumdlali weSundowns.
Bavuselelekile abadlali beChiefs - kodwa yabe ibetheka ecaleni ngoba iphulukene neCele noDuba ngenxa yokonzakala ngexesha elinzima emdlalweni. UNasreddine Nabi ufake uAshley Du Preez endaweni kaDuba.
Kuthe xa kuphela ixesha lomdlalo, uDu Preez ufumene ithuba wabhakuzelisa umnatha bathi cwaka abalandeli beSundowns abaye ebaleni beqinisekile ukuba baza kuyibetha iChiefs ebithande ukuba sisisulu seqela labo. Ngoku Amakhosi aza kudibana etshatshalazeni ne'Orlando Pirates ezibethe iMarumo Gallants ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obuse'Orlando Stadium namhlanje emalanga.
Related Topics: