Ezemidlalo

USteve Barker uveza iqhinga abethe ngalo iZamalek emdlalweni wayizolo

Pedro Mapelo|Published

IStellies sidlulele phambili kwiCAF Confederation Cup emva kokuba sibethe iZamalek emdlalweni obuyizolo.

Image: Facebook

Konwatywe kakhulu eMzantsi Afrika emva kokuba iMamelodi Sundowns, i'Orlando Pirates neStellenbosch ziqhube kakuhle emidlalweni yeCAF kule veki. Emva komdlalo obunzima izolo ebusuku, uSteve Barker uzamkele ngovuyo iziphumo ezifunyenwe ngabadlali bakhe.

Oku kwenzeke emva kokuba iStellenbosch FC ibethele iZamalek ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Conferation Cup. Idlulele kwisigaba esilandelayo iStellenbosch ngoba emdlalweni wokuqala zange kubekho qela eliphumeleleyo.

Ukubetha iZamaleki yinto enkulu kwiStellenbosch ngoba ngoku yandise amathuba wayo okuphumelela indebe yeCAF okokuqala. Iqela likaBarker liza kudibana neSimba SC yaseTanzania eqeqeshwa nguFadlu Davids walapha eMzantsi Afrika.

Uvimile ke kambe umqeqeshi ukuba bekunzima ukudlala neZamalek kowayo. "Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo ubunzima kakhulu," utshilo uBarker emva kokuyibethela kowayo iZamalek ebiziintshatsheli zeConfederation Cup kunyaka ophelileyo.

"Ibhola ibiphethwe yiZamalek emdlalweni. Okwethu ibikukutsala umdlalo ngoba besisazi ukuba uxinizelelo lukwiZamalek. Sithe xa sithetha, ukuba sifumene igowuli kwisigaba sesibini, sakube sigqibile ngoba iza kusokola emdlalweni ihamba emva.

"Besinesicwangciso esomoleleyo kakhulu ngoba besizixelele ukuba asifuni kufakwe igowuli kuthi. Bekubaluleke kakhulu kuthi ukuvala amazibuko sihambele. Ukuba ibikwazile ukusebenzisa ithuba elifumene sekuphela umdlalo, umsebenzi wethu ubuza kuba nzima kakhulu," utshilo uBarker oncome abadlali bakhe ngokwenza umsebenzi kakuhle.