UMQEQESHI we-Orlando Pirates, uJose Riveiro, ushumayele ivangeli lokuzikhandla kakhulu kunakuqala njengoba kungaseyona imfihlo ukuthi inhloko iyahlukana nesixhanti ekupheleni kukaJuni.
Image: Itumeleng English, Independent Newspapers
Okokuqala kwimbali yebhola ekhatywayo, uMzantsi Afrika unamaqela amabini kwiCAF Champions League nelinye kwiCAF Confederation Cup. Kungakho ithuba lokufumana indebe elicacileyo ukuba angakwazi ukuya emidlalweni yokugqibela.
Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uJose Riveiro, uwuqhwabele izandla umsebenzi omhle owenziwe ngamaqela. Le ndedeba yaseSpain ivakalise izimvo zayo emva kokuba iPirates ibembene ngeqanda neMC Alger emdlalweni weCAF Champions League obuseSoweto izolo.
Kanti kwelinye icala, iStellenbosch FC ibethe iZamalek ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup izolo ebusuku eYiphutha. Yona iMamelodi Sundowns idlulele phambili kwiCAF Champions emva kokubambana ngeqanda ne-Esperance emdlalweni obungoLwesibini kule veki.
IPirates iya kwisigaba esilandelayo ngoba yayibetha ngegowuli elinye iMC Alger emdlalweni wokuqala eAlgeria. URiveiro ukuchaze okwenziwe ngamaqela amathathu njengento enkulu kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika.
"Bandixelele ukuba nayo iStellenbosch idlulele phambili. Yinto enkulu kakhulu futhi ndiyavuyisana nayo. Ziindaba ezimnandi kakhulu ezi ngePremier Soccer League," utshilo uRiveiro encumile emva komdlalo izolo. "Le nto ibonisa umgangatho ophezulu wePSL. Wonke lo msebenzi wenziwa ngomoya wobumbano.
"Andizami ukuzenza mhle - kodwa singamaqela adlala kwiCAF simele ilizwe nePSL. Masikuvuyele ukuqhuba kakuhle kwamaqela amathathu kwizigaba zokugqibela zemidlalo yeCAF. Yinto enkulu kakhulu le," utshilo uRiveiro. Emidlalweni elandelayo, iPirates iza kudibana nePyramids - kanti yona iSundowns iza kudibana neAl Ahly.
Related Topics: