Ezemidlalo

Wonwabe kakhulu uRawu obuye negolide eBloemfontein

Pedro Mapelo|Published

Onwabile Rawu , ofunda eThembeni S.S.S., ubuye encumile emva kokuzuza igolide kwiHigh School Championships ebezibanjelwe eBloemfontein.

Image: Uthunyelwe

Abantwana bezikolo abaphume kwiindawo ngeendawo eMzantsi Afrika badibene eBloemfontein kwiphondo laseFree State - apho bekukhutshiswana kwimidlalo entlobontlobo yetumente ekuthiwa yiHigh School National Championships kwiveki ephelileyo.

Iyodwa iMpuma Koloni ibinabantwana abalikhulu elinamashumi amathathu anesine (134) abaye bekulungela ukuphamisa izikolo zabo. Phakathi kwamathemba eMpuma Koloni bekukho u-Onwabile Rawu obezimisele ukwenza ngaphezulu kwesiliva ayifumene kunyaka ophelileyo.

URawu ngumfundi waseThembeni S.S.S. kwidolophu yaseBurgersdorp. Sekungamatyeli aliqela emela iMpuma Koloni emidlalweni kazwelonke engayifumani eyona mbasa yexabiso. Ubuyele kowabo encumile kulo nyaka emva kokuzuza imbasa yegolide kukhuphiswano labankcunkcayo.

Oku kwenzeke kakuhle kunyaka wakhe wokugqibela njengokuba eza kubhala iimviwo zeMatriki kulo nyaka. Ethetha emva kokugangxwa kwakhe imbasa yegolide, uRawu uvakalise uvuyo olukhulu emva kokuphuma phambili okokuqala kumgama oyi10km kulo nyaka.

"Ndiziva ndonwabe kakhulu namhlanje emva kokufumana imbasa yegolide. Kudala ndihamba apha ndingayifumani. Bendisoloko ndifumana indawo yesibini," utshilo uRawu ophuma kwisithili saseJoe Gqabi, eMpuma Koloni.

"Ndize ndizixelele kulo unyaka ukuba ndiza kwenza konke endinako ukuze ndiphumelele. Into endincedileyo phambi kokuza apha kukujima ekuseni nasemalanga. Umnqweno wam ngoku kukupasa, ndifumane isikolo emva kweMatriki. Ndinethemba lokuqhubela phambili nokwenza into endiyithandayo, mhlawumbi ndingamela uMzantsi Afrika ngenye imini," utshilo uRawu.

Kulo nyaka iMpuma Koloni ivale itumente ikwindawo yesine kuzolwenke. Zizonke iimbasa ezifumeneyo zingamashumi amabini anesithandathu. Iimbasa zegolide zilithoba, iisiliva zintandathu zona iibronze zilishumi elinanye. Abanye ababuye neembasa baquka uSeth Radameyer noMarco Ferrari baseNelson Mandela Bay.