Umqeqeshi weSekhukhune United, uEric Tinkler, unethemba lokubambelela kwindawo yesithathu kude kuphele isizini ngoba ufuna ukudlala kwiCAF Confederation Cup.
Image: SU/Facebook
Emva kokufumana amanqaku abalulekileyo, uEric Tinkler uyinikele umva idolophu yaseKapa encumile futhi eqinisekile ukuba iqela lakhe linethuba elihle lokubuyela emidlalweni yeCAF.
UTinkler uvakalise indlela aziva ngayo emva kokuba iSekhukhune United iquthise iCape Town City ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obutaka iintlantsi ngorhatya leCawe edlulileyo. Amanqaku amathathu athathe iSekhukhune ayibeka kwindawo yesithathu ebikade ibanjwe yiStellenbosch FC.
Ukuphumelela kweBabina Noko kwandisa amathuba wayo okufumana indawo yesithathu xa kuphela isizini engayinika ithuba lokudlala kwiCAF Confederation Cup kwakhona kwisizini ezayo. Ayikho enye into edlalelwa liqela likaTinkler ngaphandle kokungqiniba iStellenbosch kwindawo yesithathu ngokupheleleyo.
"Ukudlala imidlalo yeCAF yeyona nto endiyifunayo mna ndingumqeqeshi. Kwakunjalo ndisengumqeqeshi weCity neMaritzburg United ngenxa yomntu endinguye," utshilo umqeqeshi weSekhukhune encedwe ngamagowuli afakwe nguSamkele Sihlali noChibuike Ohizu.
Wakhelwe umkhanyo ngabaninzi uTinkler ngoba ufike iSekhukhune isendaweni entle emva kokugxothwa kukaLehlohonolo Seema. Kodwa ngokutsho kwakhe, akazimiselanga kuwuthoba umgangatho. "Ndifuna ukuya kukhuphiswano leCAF ngoba kulapho udibana khona noompondozihlanjiwe.
"Yinto esiyifunayo nanamhlanje emva kokunikwa ithuba ngamaqela adlale izolo. Ndithe ebadlalini; ninikwa ithuba lokunyukela phezulu. Ngethamsanqa balithathile ithuba. Nangona kunjalo, sisenemidlalo emininzi esiza kuyidlala," utshilo uTinkler emva komdlalo ogqithileyo.
Kwelinye icala, uDiogo Peral ushiyeke edakumbile emva kokuba iCape Town City ibethelwe ekhaya. Ukubethwa kwayo kuyintywilisele engxakini ngoba ngoku iphakathi kwamaqela ajingelwa lizembe aquka iSuperSport United edlale ntanganye neMarumo Gallants emdlalweni obubanjelwe eBloemfontein.
"Kufuneka sidlale ngcono ngoba kucacile ukuba ukuzithemba akukho ebadlalini. Abadlali bethu babonisile ukuba bayafuna ukuphumelela emidlalweni egqithileyo, into eyingxaki kukuba sinethuba elide singasaphumeleli," utshilo uPeral.
Related Topics: