Ezemidlalo

UKhumalo uzingomb' isifuba ngokusa Amajimbos kwiFifa U-17 World Cup!

Pedro Mapelo|Published

UVela Khumalo uchwayite kakhulu emva kokuba Amajimbos ezibekele indawo kwitumente yehlabathi kulo nyaka.

Image: Safa/Facebook

Nangona Amajimbos engawuphumelelanga umdlalo obungempelaveki edlulileyo, kodwa uVela Khumlo uwuncomile umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe. Amajimbos (SA Under-17) abethwe yiBurkina Faso ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obuseStade Larbi Zaouli, eCasablanca, kodwa akwazile ukufumana indawo kwitumente yehlabathi (2025 Fifa World Cup).

Yinto enkulu kuKhumalo ongumqeqeshi weKaizer Chiefs edlala kwiDiski Challenge ngoba uMzantsi Afrika ugqibele kudala ukudlal wiFifa U-17 World Cup. UMzantsi Afrika uye emdlalweni ogqithileyo usendaweni entle ngoba emidlalweni egqithileyo ukwazile ukubetha amazwe afana neYiphutha neCameroon ngokulandelelana kuGroup B.

Ngoku Amajimbos aza kulungiselela itumente yehlabathi eza kube iseQatar kulo nyaka. Bekungafanelanga ukuba uMzantsi Afrika ubethiwe ngoba ubunawo amathuba okufaka amagowuli ongawasebenzisanga kakuhle. Kodwa konke oko kudlule emva kokuba ubambelele kwindawo yesibini kuGroup B.

"Mandithathe eli thuba ndibulele wonke umntu waseMzantsi Afrika osixhasileyo," utshilo uKhumalo echwayitile emva komdlalo ngempelaveki edlulileyo. "Ukuya kwitumente yehlabathi yinto enkulu kakhulu kuthi. Kwa sekuqaleni, ndayibeka yacaca ukuba sifuna ukuya kwitumente yehlabathi.

"Kugqityiwe ngoku futhi ndonwabe kakhulu noxa sibethiwe emdlalweni. Ndicinga ukuba sidlale kakuhle. Sibethwe nje kukungasebenzisi amathuba wethu kakuhle. Kodwa ndonwabile yindlela amakhwenkwe adlala ngayo. Sisenomsebenzi omkhulu osimeleyo kwiWorld Cup," utshilo uKhumalo.