IChippa United ingafudukela eMonti kwisizini ezayo emva kokudlalela eGqeberha iminyaka engaphezulu kweshumi.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Ngokutsho kukaThabo September, kukho ithemba lokuba iChippa United ingafudukela eMonti ngokupheleleyo kwisizini ezayo. Oku ukuthethe emva kokuba iChippa ibambene ngeqanda neGolden Arrows emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMpumalanga Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Nangona inqaku elinye liyinyusele kwindawo yesibhozo iChippa United - kodwa ibuyele kwindawo yethoba emva kokuba iKaizer Chiefs ibambene neTS Galaxy emdlalweni obusePolokwane. USeptember uthe abadlali abafana noAzola Matrose bangaphinda bafumane amandla xa iChippa ingadlalela eMonti ngokuphumeleleyo.
Nangona ebalule ukuba kude kwabadlali abathile emakhayeni wabo njengento eyingxaki - kodwa iMonti yeyona iyisebenzelayo iChippa United ngoba ixhaswa kuyo yonke imidlalo eyidlalayo. Kanti eGqeberha kugcwala xa kufike amaqela amakhulu kuphela. Kule sizini ephelayo, iqela likaMnu.
Siviwe Mpengesi liyidlale yonke imidlalo yalo ebinikwe iMonti. Kowokugqibela libethe AmaZulu ngo'2-1 ekupheleni kwenyanga yoKwindla. "Ikhona into engathi iqela lingafudukela eMonti kwisizini ezayo," utshilo umqeqeshi.
"Ingamnceda lo nto umdlali ofana noMatrose, 22, ngoba ingamsondeza kowabo. Mhlawumbi ukuba futshane ekhaya kumnceda abone ukuba kufuneka asebenze kakhulu. Sinethemba lokuba iza kupasa into yokuya kwethu eMonti ukuze abadali bakwazi ukuzimisela emsebenzini wabo," utshilo uSeptember. Nakubeni umdlalo ogqithileyo ungamnikanga amanqaku ebewafuna uSeptember - kodwa unethemba lokuba iChippa iza kungena kwiTop-8 xa kuphela isizini kwinyanga ezayo.
"Ndibathembile abadlali. Umsebenzi wam kukubanceda badlale bhetele. Ndicinga ukuba sineqela elihle. Into efunekayo kukuzimisela ngamaxesha onke. Sisoloko sihlaziya ulwazi lwethu singabaqeqeshi ngoba siyazi ukuba sinabadlali abanetalente.
"Njengokuba engekho uSinoxolo Kwayiba, indawo yakhe ithathwe nguAviwe Mqokozo. Indawo kaSiphelo Baloni ithathwe nguPapama Tyongwana," utshilo uSeptember ezama ukubonisa italente anayo kwiChippa United eza kuvala isizini endaweni ebhetele nakule isizini. Kungenzeka ukuba uKwayiba athengwe ngamaqela amakhulu emva kokudlala kakuhle kule sizini.
Related Topics: