Kukhula uxinizelelo emagxeni kaNasreddine Nabi emva kokuba iKaizer Chiefs ibambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium kwimpelaveki edlulileyo.
Image: Backpagepix
Emva komdlalo ogqithileyo, udano belubhalwe ebusweni kuNasreddine Nabi. Oku kubangelwe kukuphoxwa yiKaizer Chiefs ebambene ngegowuli elinye neTS Galaxy emdlalweni obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Njengakweminye imidlalo, iChiefs ifumene inqwaba yamathuba amahle - kodwa ayikwazanga ukuwasebenzisa kakuhle. Yilo nto kanye ebangele imqeqeshi athi yena udiniwe kukuthetha into enye. Amakhosi aphose elinye ithuba lokunyukela phezulu kwakhona.
UGlody Lilepo noGastin Sirino bawafumene amathuba okubeka iChiefs endaweni entle - kodwa abawasebenzisa kakuhle. Izinto ziye zangcono emva kwegowuli elinyanzelwe nguWandile Duba. Iphise ngomdlalo kodwa iChiefs sekuphela umdlalo ngethuba isenza impazamo enike iTS Galaxy ithuba lokufaka igowuli yatsho yagoduka iphethe inqaku elinye.
"Enyanisweni siwafumene amathuba kanye ngendlela besiwulungiselele ngayo umdlalo. Ndidiniwe ukuthetha ngamathuba esiwaphosayo oko," utshilo uNabi emva komdlalo ePolokwane. Amakhosi abuyele kwindawo yesibhozo emva kokufumana inqaku elinye - kodwa ngoku akusekho thuba lokulwela imidlalo yeCAF ngoba emidlalweni emihlau, akakwazanga ukufumana amanqaku apheleleyo.
"Bekufanele ukuba sifumene amagowuli amaninzi. Sinike iqela ebesidlala nalo ithuba lokubuyela emdlalweni. Ngelishwa siphise ngekona ekufakwe ngayo igowuli. Ngokufumana indawo yesithathu, kunzima ngoba silahla amanqaku. Siza kujongana nomdlalo ngamnye. Sakubona ukuba yona isibeka ndawoni," utshilo uNabi.
Igowuli elifakwe nguMlungisi Mbunjana lishiye Amakhosi exheleke umphefumlo futhi engazi ukuba makathini. "Iyandiphazamisa into eyenzeke emdlalweni wanamhlanje ngoba sithi abadlale kakuhle.
Izamile iTS Galaxy kwisigaba sesibini - kodwa ngumdlalo ebekufanele ukuba siwusonge kwangoko. Besiwafuna ngamandla amanqaku apheleleyo kulo mdlalo - kodwa sifumene elinye jwi," uvale ngaloo mazwi uNabi. Amakhosi aza kudibana neSundowns emdlalweni weNedbank Cup ngempelaveki.
Related Topics: