UGayton McKenzie, onguMphathiswa weZemidlalo, uqinisekise ukufika kweVAR ebholeni yaseMzantsi Afrika.
Image: Facebook
UMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, uxelele isizwe ukuba ukumiliselwa kobuchwepheshwa (VAR) ebuncedisa oosompempe emidlalweni yePSL buza kwenzeka kungekudala njengoko wayethembisile ngaphambili.
Ekuqaleni konyaka, uMcKenzie waxelela abaphathi bebhola eMzantsi Afrika ukuba isebe lakhe liza kuququzelela ukufakwa kweVAR emidlalweni yebhola ekhatywayo ukuze kucuthwe iimpazamo zoosompempe emidlalweni. Waye wabeka inyanga kaTshazimpuzi, le athi umsebenzi uza kuqala ngayo.
Ethetha emva kokubamba intlanganiso neenkokeli zeSafa, uMphathiswa uthe zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe, ithenda yeVAR iza kuphuma ukuze kufumaneke inkampazi eza kuza neVAR. Iimpazamo ezenziwa ngoosompempe zidale ukugxeleshana ngamehlo phakathi kwabo nabaqeqeshi abalahlekelwa yimisebenzi.
"Sizimisele ngokuza neVAR ngokomgaqo weFifa. Imali ikhona futhi isebe linayo imali yokuqeqeshwa koosompempe," utshilo uMcKenzie kwikhasi lonxibelelwano kwimpelaveki egqithileyo. UMphathiswa wenze umbulelo kwiinkokeli zeSafa nePSL ngokumnika inkxaso kwiinzame zakhe zokuza neVAR. Amanye amazwe eYurophu nalapha e'Afrika aneminyaka esebenzisa iVAR.
Nakubeni yatsho kudala iPSL ukuba ikulungele ukusebenzisa iVAR - kodwa iSafa yakhala ngokuswela imali yayo eqikelelwa ngaphantsi kancinci kwikhulu lamawaka erandi ngonyaka. Ukuba ithenda ihambe kakuhle kule nyanga, iVAR ingasebenza ngokupheleleyo kwisizini ezayo ukuba oosompempe bayilungele.