Ezemidlalo

Kutheni itumente yehlabathi yombhoxo ihambela kude eMzantsi Afrika

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko , aphumelele indebe yehlabathi kane, alungiselela ukuphumelela okwesihlanu kunyaka ozayo.

Image: Springboks/Facebook

Njengelizwe eliphambili embhoxweni wehalabathi, abantu banombuzo: Iza nini itumente yehlabathi yombhoxo eMzantsi Afrika? Loo mbuzo uvela ngenx yokuchasela kwayo okwelanga. Itumente yombhoxo yehlabathi yagqibela eMzantsi Afrika ngonyaka ka1995.

Amabhokobhoko ayiphumelela indebe yehlabathi okokuqala ekhokelwa nguFrancois Pienaar owaduma kakhulu ngenxa kaMongameli uRholihlahla Nelson Mandela owayebekwe ngo1994 - unyaka uMzantsi Afrika owazuza ngawo inkululeko enamashumi amathathu eminyaka ngoku.

Ukusukela kwetumente eyasongwa e-Ellis Park Stadium ngo1995, uMzantsi Afrika zange uphide unikwe ithuba lokuyisingatha ngumbutho olawula umbhoxo, iWorld Rugby. Wazama ukufumana ngo2011, 2015, 2019 nango2023 - kodwa wawa phantsi. Itumente ezayo iza kusingathwa yiAustralia emva koko iye eMelika (USA).

Kanti akhona amahum-hum athi iza kubuyela eYurophu ngo2035. Ingxaki kukhangeleka ngathi yimali eninzi efunwa yiWorld Rugby. Lo nto iyawubetha uMzantsi Afrika ngoba kufuneka ibe nguRhulumente ozibophelelayo. "Andiqondi ukuba uMzantsi Afrika ungakwazi ukusingatha iRugby World Cup ngenxa yemali," utshilo osemfuthweni kwiphephandaba langempelaveki.

Kuthiwa ukuze uMzantsi Afrika ufumane amalungelo okusingatha itumente yehlabathi kufuneka kubekho imali eyiR300 million ozibophelela ngayo. Yimali eninzi kakhulu leyo eMzantsi Afrika otsala nzima kwicala lezoqoqosho.

"Itumente yehlabathi kuphela kwendlela ezuza ngayo imali iWorld Rugby. Lo nto iyayinyanzela iye apho kukho imali. Kufuneka uRhulumente angenelele ngoba kukho imali echithwayo ekulungisweni kwamabala," itshilo ingxelo. Ziindaba ezimbi ezi kubalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika ngoba kufuneka bathwale imithwalo oko xa kuqala itumente yehlabathi baye kwamanye amazwe.

Bebengakuvuyela ukubukela Amabhokobhoko egqugqisa ekhaya emva kokuthatha indebe amatyeli amabini elandelela ekhokelwa nguSiya Kolisi waseGqeberha kwiphondo leMpuma Koloni. Amalungiselelo okukhusela indebe okwesithathu sele eqaliwe nguRassie Erasmus ongumqeqeshi weqela lesizwe.