Ezemidlalo

UDr Khoza uthi uJose Riveiro uza kuhamba ebadanisile ababemthandabuza

Pedro Mapelo|Published

UJose Riveiro , ongumqeqeshi we'Orlando Pirates, uza kuhamba xa kuphela isizini eqhubekayo emva kokuxelela abaphathi bakhe ukuba akazimiselanga ukusivuselela isivumelwano sakhe sengqesho.

Image: OP/Facebook

USihlalo we'Orlando Pirates, uGqirha Irvin Khoza, usamkele isigqibo sokuhamba kukaJose Riveiro engonwabanga enjalo. Isibhengezo ngomqeqeshi sibhengezwe yiPirates kwiveki ephelileyo. Bekulindele ukuba uRiveiro avuselele sivumelwano sengqesho xa kuphela esikhoyo kwinyanga yeSilimela - kodwa ugqibe kwelokuba ayinikele umva iPirates xa kuphela isizini ka2024/25.

Nangona wafika eMzantsi Afrika kungekho nto ingako enokubaliswa ngaye - kodwa uza kuhamba engumqeqeshi ohloniphekileyo kakhulu. Eminyakeni emine ayichithe eMzantsi Afrika, uphumelele iindaba ezintlanu njengomqeqeshi wePirates. Zintathu iindebe eMTN8 zibe mbini ezeNedbank azifumeneyo.

Noxa engakwazanga ukuyinika iPirates indebe yeBetway Premiership - kodwa usebenzile ngoba wafika kungekuhlanga ncam. USihlalo wePirates uthe ebengakuvuyela ukuhlala kukaJose Riveiro - kodwa kunyanzelekile asihloniphe isigqibo esithathwe ngumqeqeshi. "Besiza kuvuyela ukuhlala kwakhe kwiPirates kodwa kufuneka sihloniphe isigqibo sakhe," utshilo uGqirha Khoza.

Nangona uJozef Zinnbauer waye wayifumana indebe yeMTN8 - kodwa kwenzeka oko emva kwexesha elide iPirates ibhuqwa yindlala. URiveiro, ongazange amkelwe ngemfudumalo ngenxa yokubhitya kwembali yakhe, wenze umsebenzi omhle kakhulu kweZimnyama. "Izinto azenzileyo ziyamthethelel. Ulonwabo alunike abalandeli soze lulibaleke kwiPirates," itshilo ingxelo.

"Zimbini izinto eziza kwenzeka: siza kukhangela ithuba esiza kumbulela ngalo umqeqeshi. Okwesibini, iqela liqala inkqubo yokufumana umqeqeshi omtsha," itshilo ingxelo. Yena umqeqeshi akafunanga ukuthetha ngesigqibo sakhe. Uthe ingqondo yakhe uyibeke emdlalweni olandelayo. Into yokuhamba kwakhe uza kuthetha ngayo ngexesha elifanelekileyo.

"Into esemqoka kum ngoku ngumdlalo esidibana kuwo nePolokwane City. Ngumdlalo onzima futhi ofuna sibeke iingqondo zethu kuwo ngokupheleleyo. Liyeza ixesha endiza kuthetha ngalo ngesigqibo endisithethileyo. Isizini ayikapheli futhi usemninzi umsebenzi ophambi kwethu ukuya kwinyanga ezayo," utshilo uRiveiro. IPirates iza kudibana neMC Alger emdlalweni wesibini weCAF Champions League oza kube useSoweto.