UMbekezeli Mbokazi we'Orlando Pirates no-Oswin Appollis wePolokwane City besilwela ibhola emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Old Peter Mokaba Stadium.
Image: OP/Facebook
Yenze umtsi oya phambili i'Orlando Pirates emva kokuqokelela amanqaku abalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iPolokwane City ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obutaka iintlantsi namhlanje emalanga e'Orld Peter Mokaba Stadium.
Ukuphumelela kwePirates kucuthe umsantsa weshumi elinesihlanu lamanqaku eMamelodi Sundowns wayokutsho kwishumi elinambini. Nakubeni iSundowns isahamba phambili - kodwa ukuphumelela kwePirates kuyinika ithemba elincinci lokulwela indebe yeBetway Premiership.
Ebaleni ebeligcwele qhu ePolokwane, omabini amaqela adlalele ukuphumelela. UBonginkosi Dlamini, Oswin Appollis noRamabu bebeyiphethe mbengwana iPirates kwisigaba sokuqala. Kwakhona uMbekezeli Mbokazi, obe ngumdlali oqaqambileyo, wenze umsebenzi omhle emva exhagwe ngamagqala uNkosinathi Sibisi noTapelo Xoki ongene kwisigaba sesibini somdlalo.
Njengesiqhelo, uRelebebohile Mofokeng noMohau Nkotha bebeyint' ibila kwiPolokwane City - kodwa ngelishwa iinzame zabo ziphanzile. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazile ukubhalisa ebhodini. Emva kokuba uJose Riveiro enze iinguqu kwisigaba sesibini somdlalo, iPirates ibuye inamandla.
Ihlasele ngamandla iPirates kwade kwavela igowuli elifakwe nguSibisi phakathi kwisigaba sesibini somdlalo. Ude waphela umdlalo iPolokwane ingakwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa. Ufumene iwonga kwakhona uMbokazi - kodwa iqhawe lePirates emdlalweni wanamhlanje nguSibisi ofake igowuli ekube kuphela kwalo.
Related Topics: