Ezemidlalo

IChippa United ityhilize iChiefs yangena kwiTop-8 emva komdlalo wanamhlanje!

Pedro Mapelo|Published

Namhlanje iGolden Arrows ibambene ngeqanda neChippa United emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMpumalanga Stadium.

Image: Backpage

Ibuyela ekhaya iphethe inqaku elinye iChippa United emva kokubambana neGolden Arrows ngeqanda emdlalweni weBetway Premiership obuseMpumalanga Stadium namhlanje emalanga. Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje edinga amanqaku amathathu ukuze afumane iindawo ezibhetele.

Abafana Bes'thende basazama indlela yokubhekela ngamandla kumaqela ajingelwa lizembe. Kanti yona iChippa United isedabini lokubethelela indawo yayo kwiTop-8 phambi kokusongwa kwesizini. Ngethamsanqa, inqaku elinye linyusele phezulu kwindawo yesibhozo iChippa emva kokuba ityhilize iKaizer Chiefs yahlela ezantsi kwindawo yethoba.

Kodwa iChiefs ingabuyela endaweni yayo ukuba ikwazile ukubetha iTS Galaxy emdlalweni ekulindeleke utake iintlantsi ePeter Mokaba Stadium namhlanje ebusuku. IGolden Arrows ihleli kwindawo yeshumi emva komdlalo wanamhlanje. Ayikaphumi ncam engxakini ngoba amaqela amaninzi emva kwayo alwela ukunyukela phezulu phambi kokuphela kwemidlalo yesizini.

Komnye umdlalo obalulekileyo, iMarumo Gallants ibambene ngegowuli elinye macala neSuperSport United emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eDr Molemela Stadium, eBloemfontein, namhlanje emalanga.

Bekukho ithemba lokuzuza amanqaku amathathu kwiSuperSport emva kokuba iqhufuze iqanda kuqala kwisigaba sokuqala somdlalo. Ngelishwa iMarumo Gallants ifumene igowuli yahlala endaweni yeshumi elinesihlanu iSuperSport United, indawo engaqhelekanga kuyo.