UFred Zhou , oyinkokeli kaHONOR South Africa noRonwen Williams, emva kokubhengezwa kukaHONOR njengomxhasi omtsha waBafana Bafana kwiveki ephelileyo ePolokwane.
Image: Uthunyelwe
Inkampani yeminxeba ephathwayo ephambili kwihlabathi, uHONOR, ngumxhasi omtsha weqela lesizwe lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Oku kubhengezwe ngokusesikweni emva komdlalo obusePolokwane - apho aBafana Bafana baquthise iLesotho ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni ohlakulela i2026 Fifa World Cup obusePeter Mokaba Stadium ngorhatya ngoLwesihlanu ogqithileyo.
Amagowuli abaphumelele ngawo aBafana Bafana afakwe ngabadlali abanekamva eliqaqambileyo kakhulu, uRelebohile Mofokeng noJayden Adams kwisigaba sesibini somdlalo. Ukufika kukaHONOR kuza kunceda kakhulu abaqeqeshi ngoba baza kufumana izixhobo eziza kuhlola imizimba yabadlali xa bezilolonga naxa bedlala.
Ngaphezulu koko, ubuchule obufakwe kwizixhobo ezitsha eziveliswe nguHONOR ziza kufunqula kakhulu iinzame zaBafana Bafana abazama ukuzibekela indawo kwitumente yehlabathi eza kube iseMelika kunyaka ozayo. Ingqonyela kaHONOR South Africa, uFred Zhou, uthe bakholelwa kwelokuba itekhinoloji ehamba nobuchule obutsha ekuthiwa yiAI kuza kunceda abantu ngendela emangalisayo.
"Kusivuyisa kakhulu ukuqhogana neSafa naBafana Bafana ngexesha lokusetyenziswa kwetekhinoloji emidlalweni. Thina kwaHONOR sikholelwa kakhulu kwelokuba ubuchwephesha kufanele buncedise abadlali, abaqeqeshi nabalandeli bebhola ekhatywayo," utshilo uZhou.
"Intsebenziswano yethu ingokuqinisekisa ukuba sinceda abadlali xa bezilolonga, ebaleni xa bedlala nangaphandle kwebala," utshilo uZhou weHONOR owongeze ngelithi ukuxhasa kwabo aBafana Bafana kuza kubasondeza ebantwini abaninzi baseMzantsi Afrika.
UMongameli weSafa, uDr Danny Jordaan, ukwamkele ngovuyo olukhulu ukufika kukaHONOR oyenye yeenkampani zobuchwephesha eziphambili kwihlabathi. "Thina singuSafa siyamamkela uHONOR njengomxhasi wethu.
"Ibhola ekhatywayo iyaguquka futhi ikhona indawo yochwephesha kuyo. Sinethemba lokuba ubuchule bukaHONOR buza kulincedisa iqela lesizwe," utshilo uDr Jodaan. ABafana Bafana baza kudibana neBenin emdlalweni oza kube ungoLwesibini wale veki.
Related Topics: