URelebohile Mofokeng we'Orlando Pirates noGrant Kekana weMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium namhlanje.
Image: Yanga Nothanga/Maya Images
Kuthe qabu kwi'Orlando Pirates emva kokubuyisa izitya kwiMamelodi Sundowns ebiyihlaze ngamagowuli amane kwelinye kwiiveki ezidlulileyo. Amagowuli amabini akhawulezileyo fakwe nguRelebohile Mofokeng ancede iPirates ebethe iSundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium namhlanje emalanga.
Impumelelo inika iPirates elinye ithuba lokusukela iSundowns ivule umsantsa weshumi elinesihlanu lamanqaku phezulu kwiBetway Premiership. Abadlali bePirates bayirhwaphilize kwangoko iSundowns kwisigaba sokuqala ingekazinzi emdlalweni. Khange ikwazi iSundowns ukuqhobosha kakuhle uEvidence Makgopa obeyingxaki phambili futhi odlalele uMofokeng iibhola eziyingozi.
Abadlali beSundowns boyiswe kukudlala kakuhle bohlwaywa nguMofokeng obeyinkathazo namhlanje eSoweto. Kodwa oyena mdlali ofumene iwonga lomdlali oqaqambileyo ibe nguMbekezeli Mbokazi oqinisekise ukuba uPeter Shalulile noLucas Ribeiro abacholi naphantsi. UMbokazi, 19, ngumdlali wasemva osuka kwiDStv Diski Challenge osele eziqaqambisile kwimidlalwana embalwa ayidlalele iPirates endala kule nyanga.
UMokoena naye uAllende abafumanga thuba lokwenza abakuthandayo esiswini ngenxa kaMakaula noMbatha abalwe kwamdaka iisali. Nangona umdlalo ubuphethwe yiSundowns - kodwa ayinikwanga thuba lokungena kwiindawo eziyingozi. Ilifumene kodwa igowuli lokubika ekhaya elifakwe nguKhuliso Modau kwisigaba sesibini somdlalo.
Related Topics: