Amakhosi abethwe yiRichards Bay ngamagowuli amabini emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithi Stadium namhlanje
Image: KC/WhatsApp
Inyukele phezulu iRichards Bay emva kokufumana amanqaku abalulekileyo emdlalweni wanamhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba iqela laKwaZulu-Natal lizibethele iKaizer Chiefs eduda ndawonye ngamagowuli amabini eqadeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium emalanga namhlanje.
Emva kokudlala ntanganye neCape Town City emdlalweni olula phakathi evekini, bekulindeleke ukuba iChiefs yenze umsebenzi obhetele namhlanje - kodwa akubanga njalo. Isiqalo seChiefs khange sichaze iqela elifuna ukuphumelela umdlalo. Amathuba angacacanga kakuhle athe gqi phakathi kwisigaba sokuqala.
USalim Magoola khange asokole konke konke xa ebebamba ibhola engenawo amandla ebizanywe nguAshley Du Preez. Emva kwakhe kuzame uGiven Msimango noPule Mmodi - kodwa nazo iibhola zabo khange ziyifake engxakini iRichards Bay ebivale onke amazibuko emdlalweni wanamhlanje. Izinto ziguquke ngethuba uFezile Gcaba ebhakuzelisa umnatha.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla ihamba phambili iRichards Bay ebidlalela ekhaya. Ingene kwisigaba sesibini somdlalo inomsebenzi wokukhusela igowuli layo ifumane amanqaku amathathu. UGlody Lilopo uzamile ukungquba ibhola - kodwa ayenzanga mahluko ngoba ayiyanga apho ibithunyelwa khona.
UYanela Mbuthuma ufake igowuli lesibini yatsho yakhokelela ngamagowuli amabini iRichards Bay eyokuthi ngcu kwindawo yeshumi elinanye emva kokuphumelela umdlalo wanamhlanje. Impumelelo iqinise iinzame zayo zokuphepha izamebe. Wona Amakhosi asahleli kwindawo yesibhozo.
Related Topics: