UJose Riveiro we'Orlando Pirates uthi iqela lakhe lisenalo ithuba lokulwela indebe yeBetway Premiership
Image: Backpagepix
Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uJose Riveiro, unethemba lokwenzeka kwesimanga esingaphazamisa iMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya phezulu kwiBetway Premiership. Phakathi evekini, iSundowns ibethe AmaZulu yavula umsantsa weshumi elinesibhozo lamanqaku - kodwa nangona kunjalo, uRiveiro usenethemba lokuba iPirates inento engayenza. Le yenye yezinto eziza kwenza kubekho umdla emdlalweni ophakathi kwePirates neSundowns ngomso emalanga eFNB Stadium.
Kunyanzelekile iPirates iphumelele emva kokudlala ntanganye neStellenbosch ekuqaleni kwale veki emdlalweni obuseKapa. "Ayikho okwangoku into enokubangela ndiphelelwe lithemba. Xa ujonga indlela esidlale ngayo imidlalo yokhuphiswano, indinika ithemba kakhulu. Yeyona nto yakhe imbali yePirates ekhoyo namhlanje," utshilo uRiveiro. Ezimnyama ziqale kakuhle isizini kwiBetway Premiership - kodwa kwaphinda kwakho ukugqwidiza okuhlala kuyifikela nakubeni isaqhuba kakuhle kwiNedbank Cup.
"Sinaso isizathu sokubanethemba ngoba imbali iyasingqinela. Kuxhemekeka ukuba uyijonga njani ke. Kufuneka kujongwe amaqela esidlale nawo, namaqela edlale nawo iSundowns. Yonke into isaxhomekeke kuthi xa ndijonga okwenzekayo kwiBetway Premiership. Kunyanzelekile ukuba sivelise umdlalo ofanele ubunzima esijongene nabo," utshilo uRiveiro onethemba lokuba iza kubethwa iSundowns emidlalweni ezayo. Ukuba iPirates ibethiwe ngomso, kwakuphela nentlantsi yethemba engaba inalo ngoku.
Related Topics: