UJose Riveiro ngumqeqeshi we'Orlando Pirates oyintloko. Kutshanje uphawule ngomba kaMonnapule Saleng oyindaba yakwamkhozi.
Image: OP/Facebook
Akufunanga ukuphumela elubala okanye ukunaba umqeqeshi we'Orlando Pirates ngegxaki ejamelene nomnye wabadlali bakhe abathembekileyo. UJose Riveiro ubuzwe ziinatheli ngomba kaMonnapule Saleng ongade ucace ukuba uya phambili okanye emva. Sekulithuba elide uSaleng engadlaliswa yiPirates.
Kwiinyanga ezigqithileyo kuvele amahum-hum athi akonwabanga ngoba iPirates imbhatala imali encinci. Zange iyikhabe lo nto iPirates - kodwa zange ikhuphe lizwe elipheleleyo ngayo. Endaweni yoko, kuvakele iindaba ezithi iPirates yandise isivumelwano sakhe sengqesho.
USaleng, 26, ngomnye wabadlali abaziqaqqambise kakhulu phantsi kukaRiveiro ophumelele iindebe ezifana neMTN8 neNedbank Cup iminyaka ilandelelana. "Andicingi ngabadlali xa siphulele okanye xa singaqhubi kakuhle. Andiqondi ukuba ukhona umntu obeyifuna imeko esikuyo ngoku ekuqaleni kwesizini - kodwa ke silapha ngoku.
Njengokuba nisazi, ayingomba ofanele ukuthethwa ndim lo. Ingase kube kuhle kumacala omabini. Iingqondo zethu sizibeke ebadlalini abakhoyo," utshilo uRiveiro ethetha neentatheli. Indawo kaSaleng ithathwe nguNkota onyuselwe ekuqaleni kwesizini emva kokudlala kakuhle kwiMultiChoice Diski Challenge.
"Ngethamsanqa, sinenani eloneleyo labadlali eqeleni lethu. Sinabadlali abanxanelwe ukusebenzisa amathuba okudlala xa bethe bawanikwa. Kwindawo nganye sinabadlali abakulungeleyo ukwenza umsebenzi abawunikwayo. Silapha ngoku kodwa siya phambili," utshilo umqeqeshi. Ezimnyama ziza kudibana neMamelodi Sundowns emalanga ngoMgqibelo emdlalweni weBetway Premiership oza kube useFNB Stadium.
Related Topics: