URanga Chivaviro ebambe ibhola emdlalweni weBetway Premiership obuphakathi kweKaizer Chiefs neCape Town City obuseFNB Stadium izolo ebusuku.
Image: KC/WhatsApp
Ushiyeke esisifu ngumsindo uNasreddine Nabi ngenxa yeKaizer Chiefs eyeke inqwaba yamathuba Amahle emdlalweni wayizolo. Oku kwenzeke emva kokuba iChiefs ibambene neCape Town City ngeqanda macala emdlalweni weBetway Prrmiership obubanjelwe eFNB Stadium ngorhatya izolo.
Amanqaku amathathu ebeza kuyithatha iChiefs ayibeke emva kweStellenbosch ehleli kwindawo yesithathu emva kwe'Orlando Pirates ekwindawo yesibini neMamelodi Sundowns ehleli kwindawo yokuqala. Kuzo zozibini iziqingatha zomdlalo, iChiefs idlale bhetele kakhulu futhi namathuba okubhakuzelisa umnatha ebekhona.
Akukho namnye umdlali okwazileyo ukuthathela kuye uxanduva lokuqinisekisa ukuba iChiefs iyaphumelela. Lo nto ayimphathanga kakuhle umqeqeshi, ngakumbi abalandeli abacinge ukuba Amakhosi aza kukhuthazwa ziziphumo ezihle azifumene emva kokubetha iStellenbosch FC emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium kwimpelaveki egqithileyo.
"Umdlalo besiwugqibile, kodwa okwenzekileyo kufuneka sikuxhome emagxeni wethu," utshilo uNabi ethetha kwiSuperSport TV emva komdlalo wayizolo. Ihleli kwindawo yesibhozo ngoku iChiefs ngoba ifumene inqaku elinye endaweni yamathathu emdlalweni obulula kuyo.
"Sikwindawo esikuyo ngoba silahlekelwe ngamanqaku ngenxa yokudlala ngendlela esidlale ngayo namhlanje. Imidlalo siyayilawula, sidale amathuba - kodwa asiyifaki ibhola emnatheni. Xa ufumana amathuba kufuneka uwasebenzise. Ayikwazi ukuphosa amathuba anje iChiefs," utshilo uNabi ekhubekile.
"Siyalamkela inqaku elinye namhlanje - kodwa kunyanzelekile sifumane amathathu emdlalweni ongempelaveki. Akululanga futhi awukho umdlalo olula ngoba onke amaqela azimisele. Umdlali ngamnye ngoku kufuneka aluthathele kuye uxanduva lokuphakamisa iChiefs.
"Nokuba umdlali simnika imizuzu emihlanu okanye elishumi, makazinikele emdlalweni," utshilo umqeqeshi. Amakhosi aza kudibana neRichards Bay emdlalweni weBetway Premiership emalanga ngoMgqibelo.
Related Topics: