Ezemidlalo

Kuzaw' vanwa amandla emanqindini ngempelaveki eDutywa!

Pedro Mapelo|Published

Amanqindi abuyela eDutywa ngempelaveki emva kokunqaba ixesha elide. Yinqwaba yemilo eza kube iseKing Hintsa College ngoMgqibelo.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe

Emva kweminyaka eliqel kuthe cwaka eDutywa, Isizwe Boxing Promotions ibambisene nesebe lezemidlalo, ziphathele abathandi bamanqindi ingxikela yetumente yamanqindi ngempelaveki. Iimbethimanqindi eziphuma kwiindawo ngeendawo kwiphondo leMpuma Koloni ziza kuvana amandla emilweni ekulindeleke ukuba itshise bhe kwitumente ebekelwe intsimbi yesibini emini eKing Hintsa TVET College, eDutywa, ngoMgqibelo. Yimilo elithoba yonke eza konwatyelwa ngabathandi bamanqindi.

Umququzeleli wetumente uthe abantu abadala baza kurhuma imali eyiR100 kuphela, kanti bona abafundi abanamakhadi esikolo (student card) bakubhatala iR50. Abantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu baza kungena ngeR20 kuphela. Umlo ophambili uza kube uphakathi kukaMaqhawe Damoyi waseMdantsane noHlumelo Gingxana waseBraelyn.

La madodana mabini aza kulwela intshinga yeLightweight engenamntu emlweni ekulindeleke ukuba uqingqithe imijikelo elishumi. Omnye umlo oza kutsala umdla wabantu ngophakathi kukaNdobayini Kolosa waseMhlontlo noNomandithini Ndyambo waseBuffalo City. La manenekazi mabini aza kulwela ibhanti emlweni onemijikelo emine.

Kanti uBathandwa Mendela waseMnquma uza kulwela impumelelo xa edibana no-Ayabulela Mgxuma emlweni weJunior lightweight onemijikelo emine. Komnye umlo onemijikelo emine, uMasibulele Mbumba uza kuxhimfana noLutho Mbuku kwiWelterweight. KwiBantamweight, u-Indiphile Bottoman uza kulwa noMasixole Mbanga emlweni onemijikelo emine.

Ubuntu Ranti uza kuzama ukufumana impumelelo xa edibana noLelethu Mzule kwiLightweight. Kanti uAkhona Ndam uza kudibana naye uAsisipho Zikishe kwiFlyweight. USinalo Jonas uza kulwa noSiyamthanda Ngcuphe kwiJunior Bantamweight kuvalwe ngoka-Olwam Mana no-Uyathandwa Ngcuphe. Umququzeleli wetumente uthe amalungiselelo ahamba kakuhle.