uEric Tinkler ngumqeqeshi omtsha weSekhukhune United emva kokugxothwa kukaLehlohonolo Seema kwiveki ephelileyo.
Image: SU/Facebook
Emva kweeveki eziliqela kusithiwa uEric Tinkler uza kuqeqesha iSekhukhune United, ide yenzeka ngokwenene lo nto. UTinkler ubhengezwe njengomqeqeshi oyintloko yiSekhukhune United ekuqaleni kwale veki emva kokuba igxothe uLehlohonolo Seema ngendlela engacacanga kakuhle eyothuse abantu abaninzi kwiveki ephelileyo.
Njengokuba iSekhukhune ibilungiselela ukudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weNedbank Cup oye wamiswa, uSeema uye wagxothwa esuka kwindibano yoonondaba. Ayicaci ukuba yintoni kanye ecaphukise abaphathi bakhe. Njengokuba igama likaTinkler bekuthethwa ngalo, uSeema uthe into angenalo ulawulo lwayo akakwazi ukuthetha ngayo nzulu.
Kokwesibini uSeema egxothwa liqela laseLimpopo ngendlela engacacanga. USeema ukhonjwe emnyango nendoda ebimncedisa, uKaitano Tembo. Ushiyekile yena uPaul Masehe obenikwe uxanduva lokulungiselela umdlalo weNedbank Cup ongadlalwanga ngempelaveki egqithileyo ngenxa yebala ekudlale kulo iqela lesizwe.
Sekuqinisekisiwe ukuba uTinkler uza kuncediswa nguMarc van Heerden noPaul Masehe oshiyekileyo yena. UTinkler ufika kwiSekhukhune United emva kokuphumla ithutyana egxothwe yiCape Town City ngenxa yeziphumo ebezingancumisi. Kulindeleke ukuba uTinkler azame ukuthatha iqela alise phambili kwiNedbank Cup.
Iqela lakhe kufuneka libethe iMamelodi Sundowns ukuze likwazi ukudlulela phambili kwiNedbank Cup elingadlala neKaizer Chiefs ukuba likwazile ukuphumelela umdlalo. Nakbeni bekunzima ukubetha iSundowns kwisizini egqithileyo phantsi kwesandla sikaRulani Mokwena, yena uTinkler wayiwisa emdlalweni wokugqibela. Ukuba angayenza na lo nto kwiSekhukhune United iya kucaca kwiveki ezayo.
Ufikela eqeleni eliqhuba kakuhle futhi elinabadlali abadlala kakuhle. ISekhukhune ishiywe nguSeema ikwindawo yesine kwiBetway Premiership. Okwakhe uTinkler kukuyityhala kwiNedbank Cup alwele nokuyibuyisela kwiCAF kwisizini ezayo. Ngempelaveki, iSekhukhune iza kwamkela iStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership oza kube usePolokwane.
Related Topics: