UNasreddine Nabi ngumqeqeshi weKaizer Chiefs. Umfanekiso: KC/Facebook
UNasreddine Nabi uxelele amajelo eendaba ukuba ulithembile iqela lakhe phambi komdlalo omkhulu onamhlanje. Amakhosi aza kudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership ekulindeleke utake iintlantsi eLucas Moripe Stadium ngentsimbi yesithathu emva kwemini.
Iqela likaNabi lindwendwela iSundowns ngexesha elibi kakhulu ikeleme ngendlela engazange ibonwe. Njengokuba kusisa kuphinde kuhlwe kwiKaizer Chiefs - kodwa kufuneka icace into eyiyo emalanga namhlanje.
Kule sizini eqhubekayo, iChiefs seyicanjalaliswe izihllandlo ezibini yiSundowns. Ngoku icekwa likwiChiefs ekufuneka ikhusele isidima sayo. UNabi uvumile ukuba iSundowns yahlukile phantsi kukaMiguel Cardoso othathe iintambo kuManqoba Mngqithi ovike ekuthambekeni konyaka ophelilleyo ebholeni yaseMzantsi Afrika.
Nakubeni kunjalo, uNabi uthe iChiefs ayiloqela elincinci futhi ubathembile abantu asebenza nabo. Mhlawumbi emva kokuphumla iChiefs iza kuvelisa iziphumo ezibhetele. "Njengokuba silungiselela umdlalo, siyazi ukuba iSundowns inomqeqeshi omtsha.
“Ayiseyiyo iSundowns yakuqala ngoba ufike waguqula izinto ezincinci. Iguqukile indlela edlala ngayo ukuba niqaphele," utshilo uNabi ethetha neentatheli Egoli. "Andiqinisekanga nokuba uyayazi kangakanani na iKaizer Chiefs - kodwa umdlalo wethu wokugqibela neSundowns wawumbi ngendlela emangalisayo.
“Noxa iSundowns iliqela eliphambili kwiAfrika - kodwa ayisiyiyo iChiefs yokwenyani leya yayidlala la mini. Ndiyayazi ingxaki esijongene nayo. Asiloqela elincinci futhi ndibathembile abadlali bam nabantu bonke endisebenza nabo. Noxa kunzima - kodwa ndisebenzela ukufumana iziphumo ezihle. Siya emdlalweni omkhulu kakhulu. Ndifuna ukubathembisa abantu ukuba lo umdlalo ngeke ufane nedlululileyo," utshilo umqeqeshi weChiefs.
Related Topics: