UMiguel Cardoso ngumqeqeshi oyintloko weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: Facebook
UMiguel Cardoso uthi umazi kakuhle uNasreddine Nabi ongumqeqeshi weKaizer Chiefs. OkaCardoso ukuvakalise oku phambili komdlalo weBetway Premiership ojongwe ngamehlo abomvu phakathi kweMamelodi Sundowns neChiefs ngentsimbi yesithathu namhlanje emalanga eLucas Moripe Stadium.
Kokwesithathu la maqela makhulu edibana kule sizini eqhubekayo - kodwa iza kuba kokokuqala iSundowns idibana neChiefs ukusukela oko kwathi kwafika uMiguel Cardoso. Emidlalweni emibini egqithileyo, iSundowns ibethe iChiefs kuyo yomibini.
Nakubeni isiqalo sikaCardoso singakhange sitake iintlantsi kwiSundowns - kodwa izinto ziye zaguquka akuqhela. Ngoku iSundowns idume ngokufaka amagowuli angekho ngaphantsi kwesine xa idlala namanye amaqela.
Yaqala ngeChiefs kunyaka ophelileyo, kanti nakulo unyaka iSundowns iyenzile kumaqela afana nePirates, iTS Galaxy neSekhukhune United. Ukufaka amagowuli sesona sixhobo eqine ngaso iSundowns ngoku.
Nakubeni kunjalo, uCardoso akafunanga ukuwudelela umsebenzi owenziwa nguNabi kwiChiefs esedikidiki nakule isizini ngokufanayo negqithileyo. "Andiqondi ukuba uza kuyitshintsha indlela ayidlalisa ngayo iChiefs emdlalweni ozayo. Kudala esebholeni, akanguye umntana ofika izolo," utshilo uCardoso ethetha neentatheli phambi komdlalo omkhulu.
"Ndimhloniphile uNabi ngoba uyayazi into ayenzayo kwiChiefs. Uzama ukwakha iqela lakhe futhi ulungiselela iChiefs yexesha elizayo. Imidlalo ayifani futhi nokulindelekileyo kuyo kuyahluka. "Okuhle ngemidlalo emikhulu kukuba igqamisa amaqela adlala kakuhle nabadlali bawo. Yilo nto emnandi ngokudibana kwamaqela amakhulu.
“Kodwa ke ngamanye amaxesha le midlalo ayisinike into esiyifunayo," utshilo umqeqeshi weSundowns ebethwa ngumoya phezulu kwiBetway Premiership. Icekwa likwiChiefs yona ekufuneka ibuyise izitya emva kokuthwa yiSundowns emidlalweni egqithileyo. Ngumdlalo oza kunika umdla nakwabanye abantu abangawalandeliyo.
Related Topics: