UMdlali weChippa United, uAndile Jali noThabo September ongumqeqeshi, phambi komdlalo obuseBuffalo City Stadium, eMonti. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images
Akayolelwanga konke konke umqeqeshi weChippa United ngenxa kasompempe athi wenze iimpazamo emdlalweni ogqithileyo. UThabo September ukuthethe oku emva kokuba iChippa United ibethwe yiSekhukhune United ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Iqela likaSeptember liye emdlalweni obuseMonti linethemba lokuzuza iziphumo ezincumisayo emva kokubuya namanqaku amathathu eKapa. Ukubethwa kweChippa kushiye abalandeli bebhoxekile eMonti. Kodwa oyena mntu ophexeke kakhulu ngumqeqeshi wayo othi oosompempe bePSL abaphucuki, endaweni yoko, benza iimpazamo ezimosha imidlalo.
Ngokutsho kukaSeptember, usompempe womdlalo ogama linguMokhele Thulo wenze iimpazamo emdlalweni. Umqeqeshi ukhale kakhulu ngaye uThulo obephethe umdlalo ngoba akafunanga ukuvuma ukuba wohlwaye iChippa United ngendlela engafanelekanga ecacileyo.
"Andisazi isohlwayo athetha ngaso usompempe. Ndiza kugxila kwendikwaziyo. Nangona ndisemtsha apha ekuqeqeshi - kodwa eyona nto embi kuxa ungavumi ukubona impazamo oyenzileyo uboniswa. Iimpazamo ziyenze.
“Kubalulekile ukuyijonga impazamo ukuze ingenzeki kwakhona kwixesha elizayo," utshilo uSeptember obengonwabanga eMonti. Ukuba iChippa United ibiphumelele, amanqaku amathatha ebeza kuyigcina iphakathi kwamaqela ahleli kwiTop 8 kwiBetway Premiership ithutyana.
"Kuyadanisa xa usompempe engayivumi impazamo yakhe. Impazamo zakuhlala zisenzeka - kodwa kungenzeka ukuba zenziwa ngabom. Vuma endaweni yokunyanzela into ingeyiyo. Umdlalo ubunzima - kodwa sicinga ukuba ezinye izigqibo zikasompempe bezigwenxa," uvale ngaloo mazwi uSeptember.
UMpathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, uthe iVAR iza kumiliselwa ebholeni ekhatywayo kwinyanga kaTshazimpuzi. IChippa United iza kudibana neRichards Bay emdlalweni ongomhla wokuqala kweYokwindla, eKing Zwelithini Stadium.
Related Topics: