UPule Mmodi weKaizer Chiefs exhagwe ngabadlali beChippa United emdlalweni weNedbank Cup obuseFNB Stadium. Umfanekiso: KC/WhatsApp
Emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelela, uNasreddine Nabi uthembise abalandeli beKaizer Chiefs ngelithi iza kubuyela kundalashe nangona iza kuthatha ixesha ukuze yenzeke lo nto. Umqeqeshi ukuthethe oku echwayitile emva kokuba iChiefs ivuthulumela iChippa United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obuseFNB Stadium ngorhatya lwangoMgqibelo odlulileyo.
Ngokuphumelela kwawo Amakhosi, angene aphelela kumjikelo olandelayo weNedbank Cup. Amagowuli aphumelele ngawo Amakhosi afakwe nguGaston Sirino kwisigaba sokuqala somdlalo. Amanye afakwe ngu-Inacio Miguel ngepenela laze elesithathu lafakwa nguPule Mmodi emva kwempazamo kaStanley Nwabali.
Ukusukela oko kuthe kwabakho abadlali abatsha abafana noThabo Cele noGlody Lilepo kukho umahluko nokuzinza komdlalo odlalwa yiChiefs. Kusekhona ukuxhalaba phaya naphaya ngoba abadlali basemva basazenza iimpazamo - kodwa unaso isizathu sokuncuma uNabi ngoba amakhwenkwe wakhe ayaphumelela.
"Phambi komdlalo, benditshilo ukuba uza kuba nzima. Sikwazile ukufumana igowuli kwangoko emdlalweni - kodwa sayivumela iChippa United ukuba ilawule umdlalo kancinci. Sizamile ukulungisa iimpazamo kwisigaba sesibini ngokudlala umdlalo obhetele satsho saphumelela," utshilo umqeqeshi weChiefs echulumancile akhulu emva komdlalo.
Oku kubangelwa ziziphumo ezifunyenwe liqela lakhe emidlalo emithathu eliyidlalileyo kule nyanga. Yomithathu imidlalo iyidlale kakuhle futhi ifake amagowuli ngendlela encomekayo. "Kancinci kancinci, sibuyela kwiChiefs yakudala. Siqubisana nomdlalo ngamnye ngexesha futhi akukho xinizelelo. Ndifuna ukubathembisa abalandeli ukuba iza kubuya iChiefs abayaziyo ekuhambeni kwexesha," utshilo uNabi.
Amakhosi aza kujamelana neSuperSport United emdlalweni weBetway Premiership ngorhatya ngoLwesibini. La maqela mabini sele ebethene emidlalweni emibini ayidlalileyo kule sizini. Amakhosi anethemba lokuyibetha iSuperSport United engaqhubi kakuhle emidlalweni yale sizini.