Reeve Frosler weKaizer Chiefs noSinoxolo Kwayiba weChippa United emdlalweni weBetway Premiership ekuqaleni kwalo nyaka. Umfanekiso: KC/WhatsApp
UThabo September uthi umdlalo weNedbank Cup ongempelaveki unika iChippa United ithuba elihle lokuziphuthuma kwakhona. Iqela laseMpuma Koloni lilungiselela ukudiba neKaizer Chiefs emdlalweni weNedbank cup ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli eFNB Stadium ngorhatya lwangoMgqibelo.
Nangona iChippa United ilelinye lamaqela athi ahambe umgama omde kwiNedbank Cup - kodwa iya emdlalweni ongempelaveki iqhwalela ngenxa yemidlalo ebethwe kuyo ilandelelana. Kubalulekile ukuphumelela kweChippa United ngoba uThabo September, 42, angaphulukana nomsebenzi wakhe, ngakumbi ngoku sekuphinde kwabuyiswa uMorgan Mammila owayegxothwe kunyaka ophelileyo ngenxa yeziphumo ezibi.
Ekuqaleni kwalo nyaka, kunyuselwe uSeptember wangumqeqeshi oyintloko emva kokuhamba kukaKwanele Kopo ngenxa yokukhubeka kweqela eliqale isizini ngendlela encumisayo kakhulu. Umqeqeshi uthe kubalulekile ukudlala kakuhle kweqela lakhe emdlalweni ozayo.
"Umdlalo wendebe udlalwa kanye. Kufuneka siye kuwo sizilungiselele kakuhle. Sizimisele ukulwa ngamandla wethu onke emizuzwini engamashumi alithoba omdlalo," utshilo uSeptember ethetha neSABC Sport ekuqaleni kwale veki.
"Kufuneka ukuwasebenzisa kakuhle amathuba esiwafumana emdlalweni. Siza kugoloza futhi asifuni kufakwe amagowuli kuthi. Sinesicwangciso esiza kulandela sona emdlalweni. Ukudlala neChiefs lithuba elihle lokuziqaqambisa kubadlali bethu.
Bonke abadlali bethu baphilile ngaphandle kukaSergio Kammies osanqunyanyisiweyo ngenxa yamakhadi amaninzi," utshilo umqeqeshi. Njengokuba iChippa United ikhubekile emidlalweni egqithileyo, iza kuzama ukuqhuba kakuhle emdlalweni ongempelaveki ukuze uyincede emidlalweni yeBetway Premiership.
Iqhube kakuhle yade yahlala ithutyana phakathi kwamaqela amane aphambili - kodwa ekuzeni kuphela konyaka ka2024, izinto ziye zaqala ukuhamba kakubi. Kunokwenzeka uKopo wahamba kuba engafuni ukugxothwa emva kokuqala kakuhle isizini. IChippa kufuneka idlale kakuhle ukuze ingasondeli ezembeni njengakwisizini egqithileyo.