UKesha Hendricks ngumdlali weFort Hare University Ladies edlala kwiHollywoodbet Super League. Umfanekiso: UFH/Facebook
Umdlali weFort Hare University Ladies, uKesha Hendricks, uchwayitile emva kokubizwa kwegama lakhe kwabo baza kudlalela iqela lesizwe ekuthambekeni kwale nyanga. Igama likaHendricks, 19, liphakathi kwabadlali abangamantombazana abangamashumi amabini anesibini abaza kudibana enkampini - apho baza kulungiselela khona umdlalo ozayo.
ABanyana Banyana baza kudibana neLesothoo emdlalweni wobuhlobo oza kubanjelwa eLucas Moripe Stadium. UDesiree Ellis ubize abadlali abaninzi abatsha ngoba uzama ukuhlaziya iqela lakhe njengokuba aBanyana Banyana belungiselela ukuthatha inxaxheba kwiWomen's Africa Cup of Nations (Wafcon) eza kube iseMorocco kulo nyaka.
Khange idlalwe kunyaka ophelileyo iWafcon ngenxa yokuxakeka kweCAF. "Ukuchongwa liqela lesizwe yinto enkulu kum ngoba ndifumana ithuba lokudlalela ilizwe lam," utshilo uHendricks kwingxelo ekhutshwe yiFort Hare kule veki. UHendricks waqala ukudlala ibhola ekhatywayo namakhwenkwe eneminyaka emithandathu emabaleni amabaleni aseKapa.
Njengabanye abadlali ukhule ebukela abadala kunaye bedlala imidlalo evezwe ethivini. "Eyona nto endikhuthazayo kukufuna ukufezekiswa kwephupha lam lokudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu," utshilo uHendricks ozibona edlalela amaqela amakhulu eYurophu kwiminyaka ezayo.
Uncome inkxaso ayinikwa ngabalandeli beFort Hare Ladies njengeyona nto emkhulisileyo ebholeni njengokuba edlala kwiHollywoodbet Super League. Ukhuthaza abadlali abakhulayo ngelithi mabasebenze ngokuzimisela ukuze bafezekise amaphuma wabo. Ethetha emva kokuchonga abadlali, uEllis uthe: "Sisoloko sizinika ithuba lokubabukela abadlali.
“Ndibathandile abadlali esibachongileyo ngoba badlala kakuhle emaqeleni wabo. Sibabizele imidlalo yobuhlobo ezayo. Abanye babo babekhona kwiCOSAFA Championship kunyaka ophelile. Bonke baza kufumana ithuba lokufunda kubadlali abadala kwiqela lesizwe. Sifuna ukubona ukuba yintoni abangayenza ngoba kufuneka bazilwele iindawo zabo eqeleni." utshilo uEllis.