Ezemidlalo

UBeganovic uziqhenya ngeTS Galaxy ewise iSundowns

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beTS Galaxy bevuyela ukubetha iMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership izolo. Umfanekiso: Facebook

Abadlali beTS Galaxy bevuyela ukubetha iMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership izolo. Umfanekiso: Facebook

Umqeqeshi weTS Galaxy, uAdnan Beganovic, uzingomba isifuba ngomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe. Oku bekubhalwe ebusweni kuye nasebadlalini emva kokuba iTS Galaxy yothuse umzi ngokuwisa iMamelodi Sundowns ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership obutshisa bhe eMbombela Stadium izolo ebusuku.

Igowuli ephumelele ngalo iTS Galaxy lifakwe nguKamogelo Sebelebele kushiyeke umzuzu omnye kuphele isiqingatha sokuqala somdlalo. Nakubeni ukubethwa kweSundowns egqugqisayo kwiPSL kothuse abaninzi - kodwa akothusanga ncam ngoba iyasokoliswa eMbombela Stadium.

Njengokuba bekubakho umlo ebaleni nangaphandle kwebala kusekho uRulani Mokwena noSead Ramovic - wona umlo ebaleni awukapheli nangoku bangekhoyo. Ibingumdlalo wesixhenxe ophunyelelwe yiTS Galaxy ukusukela oko uBeganovic wathatha iintambo kuRamovic owabeka phantsi ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweqela ekuqaleni kwesizini eqhubekayo.

Emva kokungabethwa emidlalweni elishumi elinambini, uBeganovic uthe kumnandi kakhulu ukubetha iSundowns. "Indlela endiziva ngayo imnandi kakhulu. Asinto eyenzeka rhoqo ukubetha iSundowns. Ndizingomba isifuba ngomsebenzi omhle owenziwe liqela. Ndivuyiswa kakhulu yindlela abadlale ngayo imidlalo yale nyanga.

“Ndincoma bona abadlali futhi ndiyazingca ngabo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo izolo ebusuku. Wayithatha iTS Galaxy isemsileni - kodwa ngoku ikwindawo yesine. Nangona iSundowns ibethiwe, uMiguel Cardoso uthe liqela lakhe elidlale bhetele emdlalweni. "Sithi abadlale kakuhle, yona iTS Galaxy ibihleli emva qha," utshilo umqeqeshi weDowns engonwabanga.

"Asidlalanga ngamandla ebesiwadinga emdlalweni. Lo ibingumdlalo wethu wesine kwixesha eliziiyure ezingamashumi asixhenxe anesibini. Sibethiwe emdlalweni ngenxa yalo nto. Ndicinga ukuba besinawo amathuba okufaka igowuli emdlalweni - kodwa ke siye sabethwa ligowuli elingene ngomzuzu wokugqibela kwisigaba sokuqala. Kodwa sizimisele ukuvuthulula siye phambili," utshilo uCardoso emva komdlalo.