uAubrey Modiba ngumdlali ophambili weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: Facebook
Eminyakeni esixhenxe edlulileyo, zimbalwa iisizini iMamelodi Sundowns engaphumelelanga indebe yeBetway Premiership ngendlela elula. Kodwa zithande ukwahluka kancinci izinto kule isizini ngoba kukho i'Orlando Pirates elwela ukuphumelela nayo. Omnye wabadlali abaphambili kwiSundowns, uAubrey Modiba, uvumile naye ukuba iPirates idlala ngokuzimisela futhi idlalela ukuphumelela indebe nayo.
La maqela mabini aza kuxikixana eLoftus Stadium namhlanje emalanga emdlalweni omkhulu. Iphala phambili ngamanqaku amathandathu iSundowns - kodwa ifuna ukuwuphumelela umdlalo wanamhlanje ukuze iqinise indawo yayo phezulu kwiBetway Premiership.
"Umdlalo ophakathi kwethu nePirates isoloko iba ngumlo omkhulu. Ndicinga ukuba idlalela ukuphumelela indebe yeBetway Premiership. Kwelinye icala, nathi sizimisele ukwenza umsebenzi wethu kakuhle. Ndifuna ukuthi umdlalo wona uza kunika umdla kakhulu," utshilo uModiba kwiintatheli phakathi kule veki.
Ikhuthazekile iSundowns ngoba iya emdlalweni wanamhlanje emva kokubetha iSuperSport United ngamagowuli amathathu eqandeni. Nayo kwelayo icala iPirates, inamandla ngoba ibethe iSekhukhune United emdlalweni obunzima kakhulu ePolokwane.
Uyavakala umfutho womdlalo ngoba amatikiti athengiswe aphela umdlalo usekude. Ndicinga ukuba siwulungele umdlalo. Siza kudlala sinethemba lokuphumelela. Omabini amaqela anethuba lokufumana amanqaku futhi lo umdlalo uza kunika umdla kakhulu," utshilo uModiba. UMiguel Cardoso, ongene endaweni kaManqoba Mngqithi, uyaswabuluka ngoku.
Lo nto ibonakala kwindlela iSundowns ephumelela ngayo emva kokungancumisi ekuqaleni kwakhe. Uya emdlalweni wangomso enethemba labadlali abayingozi abafana noLucas Ribeiro noPeter Shalulile ofaka amagowuli kwakhona emva kwendlala ebimombethe ixesha elide. Kanti yona iPirates iza kuthembela ngabadlali abafana neMofokeng, uMaswanganyi noMakhehleni oyinkathazo ngoku phambi kweepali.