iMamelodi Sundowns inggombe i’Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiershi namhlanje ePitoli. Umfanekiso: OP/Facebook
Iintliziyo zabalandeli be'Orlando Pirates zichontsisa igazi emva kokuba iqela labo liqwangqululwa ngenduku emdlalweni wanamhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba iMamelodi Sundowns igube amathambo athi saa emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium ngale njikalanga.
Amagowuli amane kwelinye anike iSundowns amanqaku amathathu yatsho yavula umsantsa wamanqaku alithoba phezulu kwiBetway Premiership. Umdlalo odlalelwe kwingqatsini yelanga ubunzima ngenxa yebala ebelimtyibilize ngenxa yamanzi agalelwe phambi komdlalo.
Umdlalo utake iintlantsi zisuka nakubeni bekumtyibilizi. Amasandawana abhakuzelise umnatha emzuzwini weshumi elinesithathu kwisigaba sokuqala Igowuli lifakwe nguGrant Kekana emva kokufumana ibhola ebikhatywe kakuhle kakhulu.
USipho Chaine imshiye ethe natya phantsi. Izamile ukudibanisa iibhola iPirates - kodwa uLucas Ribeiro ufumene ibhola esizikithini sebala wayokufaka igowuli ebukelwe ngabadlali abathathu bonke. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iDowns ukuzithemba kuphezulu.
Kuye kwanyenzeleka ukuba iPirates inyuse umxakatho kwisigaba sesibini. Ngethamsanqa ikwazile ukufumana igowuli elifakwe nguDeon Hotto emzuzwini wamashumi amahlanu anesixhenxe. Kudlule umzuzu wamnye, uRiveiro wafaka igowuli lesithathu leSundowns atsho etha amandla ePirates.
UTeboho Mokoena ufake elakhe igowuli yatsho yahamba phambili iSundowns ngamagowuli amane kwelinye. Ngoku iSundowns ivule umsantsa ekuza kuba nzima ukuba uvalwe yiPirates ebekufanele ukuba ilwele ukungabethwa emdlalweni wanamhlanje.