IPirates indwendwela iSundowns emdlalweni weBetway namhlanje. Umfanekiso: OP
Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uJose Riveiro, uthi akukho xinizelelo kwiqela lakhe njengokuba likwindawo yesibini kwiBetway Premiership. Le ndedeba yaseSpain ikuthethe oku phambi komdlalo omkhulu oza kube uphakathi kweMamelodi Sundowns nePirates ngentsimbi yesithathu namhlanje eLoftus Stadium ekulindeleke ukuba igcwale abalandeli bebhola.
Abalandeli bebhola ekhatywayo bawujonge ngamehlo abomvu lo mdlalo ngoba ngowona mkhulu kule mpelaveki. Amasandawana athe ngcu phezulu kwiBetway Premiership. Phakathi kwawo nePirates ekwindawo yesibini kukho umsantsa wamanqaku amathandathu onke.
Umdlalo wale mpelaveki unika iqela ngalinye ithuba lokuphumelela eyona ndebe yexabiso ebholeni yaseMzantsi Afrika. Emva kokuphumelela iindebe ezintlanu eminyakeni emibini, uJose Riveiro ubeke iliso lakhe kwindebe yeBetway Premiership ngoba yeyona angekayifumani. Kodwa kunyanzelekile abethe iSundowns ukuze lifezekiswe elo phupha.
Ngokungafaniyo kuneesizini ezigqithileyo, iPirates iqhuba kakuhle kule isizini eqhubekayo. "Akukho xinizelelo emagxeni wam. Ndiqeqesha iPirates eziintshatsheli. Ndiqeqesha iqela eliphumelelayo. Wonke umntu ulindele ukuba siphucule imbali yeqela ngokuthi siphumelele iindebe," utshilo uRiveiro ethetha neentatheli kule veki.
"Sizama ukwenza lo nto. Isiqalo sethu sesizini besisihle kakhulu. Sikwinga yesibini ngoku kodwa kusekutsha ngoba sisadlale imidlalo elishumi elinesithathu kuphela. Kodwa ndifuna ukuqinisekisa ukuba silwela ukuphumelela indebe sidlala namaqela amaninzi. Elinye lawo beliziintshatsheli zeminyaka esixhenxe ilandelelana.
“Nnangona sikwazile ukuyiqala kakuhle isizini - kodwa sisahamba emva ngamanqaku kwiSundowns. Nangona kunjalo, ngeke siyeke ukulwa futhi sinethemba lokuzuza iziphumo ezihle rhoqo xa sidlala. Uxinizelelo lusafana nangokuya ndandifika. Okwahlukileyo kukuba indlela iPirates ibanika ithemba lokuphumelela indebe yeBetway," utshilo umqeqeshi.