UMorgan Mammila ubuyele kwiChippa United kwakhona. Umfanekiso: Facebook
Njengokuba abanye abaqeqeshi bedinga umsebenzi - yena uMorgan Mammila wahlukile ngoba usoloko enendawo yakhe kwiChippa United. Nangona kungekakhutshwa isaziso - kodwa sele kuqinisekisiwe ukuba ubuyele kwiChippa. Oku kucace ePolokwane - apho bekudibene khona iMagesi FC neChippa United emdlalweni weBetway Premiership obuseSeshego Stadium kwimpelaveki egqithileyo.
Iphumelele ngamagowuli amane kwelinye iChippa emva kwamagowuli afakwe nguSinoxolo Kwayiba (amabini), uCraig Martin noSeun Ndlovu. Ethetha emva komdlalo, uThabo September ongumqeqeshi uqinisekisile ukuba uMammila lisekela lakhe lesibini. "Besizokumthatha apha ePolokwane ngoba ungumntu weli cala.
“Akakwazanga ukuhlala nathi emdlalweni esidibene kuwo nePolokwane City - besincokola naye ngezinto ebesifuna asincede kuzo. Siyakuvuyela ubukho bakhe ngoba uza kusicebisa kwimiba yebhola ebaleni. Ndicinga ukuba uza kusinceda kwicala lokudibanisa iqela," utshilo uSeptember ngokutsho kweSowetan.
UMammila wagxothwa nguMnu. uSiviwe Mpengesi kunyaka ophelileyo sekuphela isizini ka2023/24. Kwangoko waye wangumqeqeshi weBaroka FC - kodwa ngelishwa lakhe zange ahlale emva kweziphumo ezibi. UMpengesi umbuyisela kwiChippa kwakhona.
Akukacaci ukuba umbuyiselani ngoba iqela ulinike uThabo September noMabhuti Khenyeza kutshanje emva kokuhamba kukaKwane Kopo ohleli iinyanga ezimbalwe esikhundleni sokuqeqesha. Iqela laseMpuma Koloni lilungisela ukudibana neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership ngempelaveki.
Emva koko liza kundwendwela iCape Town City kowayo. Kanti emdlalweni weNedbank Cup ojongwe ngamehlo abomvu, iChippa United iza kudibana neKaizer Chiefs kwiveki ezayo. Kungenzeka ukuba uMpengesi uzama indlela yokwenza uMammila umqeqeshi oyintloko kwakhona.