Ezemidlalo

UMduduzi Shabalala uchaza eyona nto ebengumqobo endleleni yeKaizer Chiefs

Pedro Mapelo|Published

UMduduzi Shabalala uchaze ukungasetyenziswa kwamathuba njengeyona nto ephambili ebangele iKaizer Chiefs ingaphumeleli izolo. Lo mdlali, oneminyaka engamashumi amabini, uhlabe amadlala emva kokuba iChiefs idlale ntanganye neMagesi FC ngamagowuli amabini macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium.

Amakhosi azuze inqaku elinye emva kokuba uShabalala efake amagowuli amabini sekusondele ixesha lokuphela komdlalo izolo. Bekufanele ukuba iChiefs iwuphumelele umdlalo ngoba yiyo ebinamathuba kakhulu kuneMagesi ebihleli emva. Akubanga njalo ngoba iChiefs ayikwazanga ukuwisa iMagesi ezenzele igama ngokubetha i'Orlando Pirates kutshanje kwiCarling Knockout.

Ilandele emva iChiefs emva kwamagowuli weMagesi afakwe nguWonderboy Makhubu no-Edmore Chirambadare. "Ndicinga ukuba umdlalo ubungemhlanga kwicala lethu. Siyeke kwangena amagowuli ngendlela elula kakhulu. Ukuba ungajonga kwisigaba sokuqala, uza kuphawula ukuba sidale inqwaba yamathuba - kodwa asikwazanga ukufumana igowuli," utshilo uShabalala ofumene iwonga lomdlali oqaqambileyo emdlalweni.

Ngethamsanqa layo iChiefs, iinguqu ezenziwe nguNasreddine Nabi zikwazile ukuwenza umahluko emdlalweni. Kwakhona, uGaston Sirino ongene kwisigaba sesibini somdlalo, ubenefuthe kakhulu kumagowuli afakwe nguShabalala. "Ndiyancoma kodwa ngoba abadlali bethu balwile. Mancedile abadlali abangene mva emdlalweni ngoba bawenzile umahluko kakhulu. Sidlale ibhola kwicala likaReeve Frosler ngoba sibonile ukuba umhlaba uyehla ngaphaya," utshilo uMdu.

Ukudala amathuba angasetyenziswayo yeyona ngxaki ejamelene neChiefs kule sizini yokuqala kaNabi. "Eyona nto esifuna ukuyenza kakhulu kukufaka amagowuli. UMfundo Vilakazi ufumene amathuba amane, nam ndafumana amathathu kwisigaba sesibini. Akukho nalinye esikwazileyo ukulisebenzisa kuloo mathuba," utshilo uShabalala ekulindeleke enze indiba ebonakalayo emdlalweni ongempelaveki. Amakhosi aza kudibana neSundowns emdlalweni weCarling Knockout emalanga ngoMgqibelo.