UMonica Mkandla waseGauteng evuyela ukuphumelela emlweni obuseGcuwa ngempelaveki egqithileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe
Imbethimanqindi elinenekazi, uMonica Mkandla, ibuyele ekhaya kwiphondo laseGauteng incumile emva kokuphumelela ngempelaveki. UMkandla uzenzele igama emanqindini ngokubetha uAsandiswa Nxokwana wakuCentane emlweni obuseholweni laseGcuwa emalanga ngoMgqibelo odlululileyo. Bekumandi ebantwini baseMnquma abagqibela ukufumana imilo ebhadlileyo ngonyaka ka2017.
Umlo obuphambili kwitumente ebiququzelelwe yinkampani yabathelekisi ekuthiwa yi-Isizwe Boxing Promotions phantsi kukaMnu. uNtsikayezwe Sigcawu wakuGatyane. Emva kokuhlala ixesha elide ngenxa yokunqaba kwemilo, zombini iimbethimanqindi zikhwele eqongeni zifuna ukuphumelela ukuze zikwazi ukukhangela amadlelo aluhlaza emdlalweni wamanqindi.
UMkandla uwuqale kakuhle umlo weBantamweight ngoba nguye obehlasela. Kuye kwanyanzeleka ukuba axhathise uNxokwana obesilwela ekhaya. Ngelishwa lakhe uNxokwana, abagwebi bomlo bawunike uMkandla ophumelele ngamanqaku emva kwemijikelo esibhozo yetumente eqale ngamagingxigingxi eGcuwa.
Emlweni ogabule izigcawu, uLonwabo Velile waseCala ubethe uLoyiso Kewuti zacima izibane kumjikelo wokuqala. Uphumelele uVelile engabilanga emlweni wobukhaya. Kanti nowesibini umlo khange uhambe umgama omde konke konke. Emlweni obunemijikelo emine, uLutho Mbuku wenze idemeshe embi.
Ubethe uMasibulele Mbumba waseGcuwa wamlahla phantsi phambi kwabalandeli bakhe. ngelishwa lakhe uXhanti Mjezu waseSada, ugoduke ephaca emva kokuba ebethwe nguAvuyile Mphikwa waseDuncan Village kwifeatherweight. Ugodike ephoxekile yena uSinalo Malilwane emva kokungaphumeleli kwakhe.
Le mbethimanqindi yoyiswe nguAphiwe Nxazonke ngamanqaku emlweni weJnr bantamweight obunemijikelo emine. Yena uBathandwa Mendela waseGcuwa uzibethele uSivenathi Qwemeshe emlweni weFeatherweight obunemijikelo emine. UMawethu ubuyele ekhaya encumile emva kokuba ezibethele uSakhumzi Ndziweni waseLibode emlweni weBantamweight.