Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uvumile ukuba iqela lakhe belikufanele ukubethwa emdlalweni wanamhlanje emva kokungadlali kakuhle. Oku ukuthethe emva kokuba iPolokwane City yothuse umzi ngowisa iSundowns ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Old Peter Mokaba Stadium ngale njikalanga.
Iqela likaMngqithi liye edabini namhlanje ngaphandle kukaRonwen Williams ezipalini ngenxa yohambo lwakhe oluya kumawonga ehlabathi eYurophu. UDenis Onyango uye wangena endaweni yakhe. Izimisele ukusukela ekuqaleni komdlalo iPolokwane City ngoba ibisazi kakuhle ukuba kunzima kakhulu ukubetha iSundowns ephulukene nomdlalo wokuqala kwiBetway Premiership.
UCole Alexander noOswin Appollis bazamile ukukhabela ezipalini kwimizuzu yokuqala emdlalweni - kodwa ebethe qwa ezipalini zakhe uDenis Onyango. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini emva kokuba uHlayisa Chauke ephose ithuba esebhokisini. Ixesha lokuphumla linike iSundowns ithuba lokuqweba amaqhinga amatsha okugqobhoza kwiPolokwane City ebivale mba emva.
Abadlali abafana noTeboho Mokoena, Iqraam Rayners noThapelo Morena batsho bancama namhlanje. Kanti uChauke Appollis noMatuludi bazamile kwisigaba sesibini ukuyiwisa iSundowns ebiqinile njengesiqhelo. Emva kwemizamo eliqela, uBulelani Nikani ufake igowuli eliyibeke endaweni entle iPolokwane City edlalale ukuzophula ebaleni layo. Emva komdlalo, uPhuti Mohafe uwuncomile kakhulu umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe emdlalweni wanamhlanje.
Ubalule ukuvalwa kwabadlali abafana noMokoena, uMarcelo Allende noMorena njengeyona nto enike iqela lakhe impumelelo. Ngoku iPolokwane City ihleli kwindawo yesine emva kweChippa United ethe ngcu kwindawo yesithathu emva kokubetha iGolden Arrows izolo. Phezulu kuhleli iPirates ebethe AmaZulu emdlalweni obutaka iintlantsi eSoweto ngorhatya ngoLwesihlanu. Komnye umdlalo, iCape Town City ibambene ngeqanda neMagesi FC.