Umqeqeshi weMamelodi Sundowns nomqeqeshi weqela lesizwe baceba ukudibana emva kokutshintshiselana ngamazwi esidlangalaleni kutshanje. Oku kuthethwe nguManqoba Mngqithi emva kokuba iSundowns yakhe ibhulele amasaka iGolden Arrows ngamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni weCarling Knockout obuseLucas Moripe Stadium ngorhatya ngoMgqibelo odlulileyo. Ukusukela oko kuqale isizini, uManqoba akabadlalisanga kakhulu abadlali abaphambili kwiSundowns ngezizathu zakhe. Abo badlali nguTeboho Mokoena, uKhuliso Modau noThemba Zwane noxa ebemane edlaliswa yena.
UHugo Broos uye wavakalisa ukungakholwa kwakhe sisigqibo sokungabadlalisi abadlali athembele ngabo kwiqela lesizwe. OkaBroos uye wakugxininisa ukuchasa kwakhe ukungadlaliswa kukaMudau noMokoena emva komdlalo aBafana Bafana ababethe kuwo iCongo Brazzaville ngamagowuli amahlanu eqandeni eNelson Mandela By Stadium. Nakubeni enethuba elide uMokoena engadlali - kodwa ubuye namagowuli amabini eyedwa eGqeberha. Ukungadlaliswa kwabo kuye kwadala ingxoxo kubalandeli abathile kwiSundowns, ngakumbi abachase uMngqithi.
Kwiveki ephelileyo, uManqoba uxelele iintatheli ukuba uHugo Broos makahoye iindaba zakhe kwiqela lesizwe. UMngqithi uyibeke yacaca into yokuba akazuvuma ukuxelelwa yenye indoda indlela amakawenze ngayo umsebenzi wakhe. Emva koko uthe kungangcono ukuba anganentlanganiso nomqeqeshi weqela lesizwe ukuze bakwazi ukusombulula iingxaki abanazo. "Emva kweentetha zethu, siza kuba nentlanganiso nomqeqeshi weqela lesizwe. Sifuna ukudibana ukuze sikhangela indlela engcono esingasebenzisana ngayo. Sinabadlali abaninzi esixhasa ngabo iqela lesizwe. Sibone kufanelekile ukuba sidibane," utshilo uMngqithi.
"Ukuthethana kukona okunganceda. Kungenzeka ukuba angafumana nabanye abadlali ebekade engabajongi kakuhle. Xa sithetha uza kutsho ayazi indlela endiziva ngayo ngabadlali abathile. Ndicinga ukuba sinabadlali ananinzi angabasebenzi kwiqela lethu nakumaqela afana nePirates, kwiChiefs, kwiSuperSport namanye. Kodwa ukuba akukho ndlela yokuthetha phakathi kwabaqeqeshi, uza kuncedeka nzima umqeqeshi weqela lesizwe," utshilo uMngqithi weSundowns ejonge ukubuyela emidlalweni weBetway Premiership kule veki.