Emva kokukhutshwa kwe'Orlando Pirates ngendlela eyothusileyo kwiCarling Knockout, umqeqeshi wayo akazimiselanga ukuchitha ixesha lakhe emanzini achithekileyo. IPirates ibethwe ngamagowuli amathathu kwamabini yiMagesi FC emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe e'Orlando Stadium ngempelaveki egqithileyo. Okwenzekileyo kothuse abantu abaninzi ngoba bebengalindelanga ukuba iMagesi ingabetha iPirates ethathe indebe yeMTN8 kutshanje emdlalweni obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium, eThekwini.
Ethetha emva komdlalo, uJose Riveiro uvumile ukuba iqela lakhe alikwazanga ukudlala ngendlela ebilindelekile. "Umdlalo wethu ubungembanga nangokuya besihamba emva ngamagowuli amabini. Asiqhubanga kakuhle ngoba iimpazamo zenziwe liqela lonke," utshilo umqeqeshi emva komdlalo. "Ezi zinto ziyenzeka emidlalweni. Kufanele sixhalabe xa iqela lisiya kwixesha lokuphumla lihamba emva ngamagowuli amathathu eqandeni. Akubilula ukuphumelela emdlalweni onjalo.
"Sizamile kodwa ukufaka amagowuli okulinganisa. Kunzima kum ukuchaza ukuba kutheni singakwazanga ukufaka amagowuli emdlalweni - kodwa mandivuyisane nayo iMagesi. Iwenzile umsebenzi wayo. Isebenzise amathuba ewafumeneyo emva kokuthoba isantya umdlalo obuhamba ngaso. Lo nto ibangele asakwazi ukuhlasela ngendlela yethu eqhelekileyo. Ibingeyomini yethu. Siza kudlula sijonge umdlalo olandelayo," utshilo uRiveiro opheswe yindebe ebithathwe yiStellenbosch FC.
Isophisa injalo iPirates, iza kudibana neSuperSport eyophisayo emva kokungonjwa yiKaizer Chiefs ngempelaveki egqithileyo. Omabini amaqela aza kulwela ukuphumelela emdlalweni onamhlanje ebusuku emva kokubethwa emidlalweni yeCarling Knockout enamaqithiqithi amahle kakhulu. IPirates iya emdlalweni ifuna ukubethelela indawo yayo kwiBetway Premiership emva kokuyiphumelela yonke imidlalo emithathu eyidlalileyo kwisizini eqhubekayo. Amatsatsantsa akazukuvuma ukubethwa phambi kokujongana neChiefs kwakhona emdlalweni ongempelaveki.