Ezemidlalo

UPhumelela Cafu umbulele uMatiti omphakamisileyo emanqindini

Pedro Mapelo|Published

UPhumelela Cafu exhagwe nguHawk Makepula noSibenathi Nontshinga emva kokufika eMonti kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

UPhumelela Cafu exhagwe nguHawk Makepula noSibenathi Nontshinga emva kokufika eMonti kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Intshatsheli yehlabathi entsha, uPhumelela Cafu, yenze umbulelo kubo bonke abantu abenze umahluko kuyo emanqindini. UCafu ukuthethe oku eholweni laseMonti ebelinebathwana labantu ngoLwesihlanu ogqithileyo emva kokwamkelwa noSivenathi Nontshinga ngusodolophu weMetro noMphathiswa weZemidlalo, uSibulele Ngongo.

Ekuqaleni kweveki ephelileyo, uCafu ubethe uKosei Tanaka emlweni weWBO junior bantamweight watsho wayintshatsheli yehlabathi okokuqala. Ngelishwa lakhe uNontshinga, yena akaphumelelanga eJapan. Ephahlwe ziingangalalanga zamanqindi eziquka uVuyani Bhungu noWelcome Ncitha, uCafu ukhumbule indlela ayihambileyo phambi kokuba abe yimbethimanqindi kwintetho yakhe ayenze ebantwini abamhlangabeze eKing Phalo Airport.

"Ndibulela bonke abantu abazidinileyo bazokusamkela namhlanje. Abanye abantu bayandazi apha. Mna ndikhulele eDuncan Village - apho ndaqala khona ukubetha inqindi phantsi kukaTa Putlazi," utshilo uCafu echwayitile. Naye ufudukele eGauteng - apho aphantsi kwesandla sikaColin Nathan. Inye into awayibalulayo: kukuba ufuna ukuba yintshatsheli yehlabathi. Kumka iimbethimanqindi zivutshiwe eMpuma Koloni ngenxa yokunqaba kwenkxaso namathuba.

Ukuhamba kwazo iimbethimanqindi akuthandwa ngabantu abasemanqindi - kodwa uMphathiswa uthi uza kuzama ukulungisa izinto emva kokuhlangana nabathelekisi kwiveki ephelileyo. UCafu uthe iindawo ezintle ajimela kuzo eGoli azibalulekanga ukogqitha ityotyombe awaqala kulo. Emva koko ubalule uMatiti owamthatha wambeka phezulu phambi kokuba yintshatsheli yehlabathi.

"Ndandijimela etyotyombeni phambi kokuba ndibe yintshatsheli. Ukuba bezikhona iindawo zokujima ezilungileyo, ngendiselapha nangoku. Ndifuna ukubulela bonke abathelekisi abandincedileyo. Kodwa ndifuna ukubalula kakhulu uAyanda Matiti. Wandithatha wandibeka endaweni ephezulu," utshilo uPhumelela olebele ngokubulela abantu bakowabo abamxhasileyo eseJapan.