uAsanda Nxokwana yimbethimanqindi yakuCentane nakubeni ehlala eMonti.
Emva kwethuba elide kuthe cwaka kwicala lamanqindi kwidolophu yaseGcuwa, inkampani yabathelekisi kaMnu. Ntsikayezwe Sigcawu iza kuba nengxikela yetumente eza kuqala eminimaqanda, ngentsimbi yokuqala, ngoMgqibelo. Usebenzisa inkampani yakhe, Isizwe Boxing Promotion, uMnu. Sigcawu ubuyisela amanqindi eGcuwa enembali etyebileyo kuwo.
Itumente yayibekelwe inyanga yeKhala - kodwa yahlehliswa ngenxa yeengxaki ekuye kwafuneka azisombulela kuqala. Uxelele I'solezwe lesiXhosa ukuba ulindele abantu abaninzi ngoba yitumente avuselela ngayo amanqindi eGcuwa. Intokazi yakuCentane ekuthiwa nguAsanda Nxokwana iza kudibana noMonica Mkandla emlweni oza kube unemijikelo esibhozo. Lo ngowona mlo ophambili kwitumente engoMgqibelo.
Kulindeleke ukuba kugcwale abantu bakuCentane abaza kube bexhasa uNxokwana nangona sele engumhlali waseMonti - apho azama ukulola khona isakhono sakhe samanqindi. USakhumzi Ndziweni waseNgqeleni uza kudibana noMawethu Limo emlweni weBantamweight. Okuhle ngale tumente kukuba imbethimanqindi ephumeleleyo ingafumana ithuba lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika.
USigcawu ebefuna ukuyisa kuCentane itumente - kodwa akubanga njalo ngoba akukho holo eliyilungeleyo. Akululanga ukuququzelela itumente eGcuwa eyawagqibela ngo2017 amanqindi asemgangathweni ngoba uSigcawu akanabo abaxhasi. Wenze amatiletile nangoku ukuze yenzeke le ingempelaveki. Ubalule ukunqongophala kweembethimanqindi ezingamanenekazi njengeyona nto emsokolisileyo kakhulu.
Enye into ephinde ibe ngumqobo kukuba ezifumanekayo kuye kufuneke zibhatalwe imali eninzi kungekho nkxasomali ayifumanayo. Kweminye imilo yosuku: uBathandwa Mendela uza kudibana noSivenathi Qhwemesha waseMonti. Yena uMasibulele Mbumba waseGcuwa uza kuvana amandla noSivenathi Qwemesha waseMdantsane. Amatikiti okungena yiR80 abantu abadala, kanti bona abantwana baza kuhlawula iR40 kuphela.