Iphinde yazibonakalisa iMamelodi Sundowns kwakhona kule sizini ukuba ingoomanqanqa bebhola ekhatywayo. Namhlanje ingcwabe Abafana Bes'thende ngomwasalala wamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. UMorena ubhalise ebhodini kuqala ngegowuli elifake emzuzwini weshumi elinesine.
Emva kwakhe kulandele igowuli elifakwe nguRayners emzuzwini wamashumi amathathu kwisigaba sokuqala somdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngamagowuli amabini. Umsebenzi wosuku ibiwugqibile ngoba iGolden Arrows ibidlala into engacacanga. Ibisebaleni nje ngegama, iSundowns ibidlala yodwa.
Akukho nebhola enye eke yamxakekisa uRonwen Williams. Isiqale bhetele kodwa iGolden Arrows isingatha sesibini. Abadlali bayo bakwazile ukudibanisa iibhola besiya phambili bhetele kunesigaba sokuqala. Into abangakwazanga ukuyenza kukufaka igowuli emnatheni. Ukungakwazi kwabo ukudlala into ecacileyo kwiindawo eziyingozi kubangele bohlwaywe yiSundowns.
Emzuzwini wamashumi asixhenxe, uMvala ufake igowuli elihle ngentloko. Yindlela azazise ngayo leyo emva kwexesha elide engadlali ngenxa yokonzakala. Emva kwakhe, uShalulile ufake igowuli emva kwexesha elide engasafumani. Isikhgonkwane sokugqibela sibethelelwe nguLetlaku emzuzwini wamashumi asibhozo. Baphume bethwele ihlazo Abafana Bes'thende kwibala lasePitoli.