Ezemidlalo

IMagesi ikhuphe iPirates ngomva kwiCarling Knockout

Pedro Mapelo|Published

Bashiyeke bebambele ezidleleni abalandeli emva kokuba i’Orlando Pirates iphulukene nomdlalo obalulekileyo. IMagesi FC, efikayo kwinqanaba eliphezulu, yothuse umzi namhlanje ngokubetha iPirates ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe e’Orlando Stadium namhlanje emalanga.

Emva kokuthatha iMTN8 kwiiveki ezigqithileyo, abantu abaninzi bebecinga ukuba iza kuchebeleza emdlalweni wanamhlanje. Khange kube njalo, iMagesi izenzele udume kwiPSL ngokuwisa elona qela lidlala kakuhle kule sizini eqhubekayo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMagesi ihamba phambili ngamagowuli amathathu eqandeni.

Amakhwenkwe kaClinton Larsen khange azidelele kuba edibene nePirates phambi kwabalandeli bayo. Endaweni yoko, asebenzise iimpazamo zabadlali bePirates futhi ibancedile lo nto kakhulu. Igowuli lokuqala lifakwe nguDelano Abrahams emzuzwini wamashumi amabini anesihlanu. Kugqithe imizuzu emihlanu, uThabiso Sesane uwugwaze ekhaya umkhonto konakala.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMagesi iphala phambili ngamagowuli amathathu emva kokuba uEdmre Chirambadare efake elakhe. Kwisigaba sesibini ibuyile iPirates. UKabelo Dlamini ufake igowuli layo lokuqala. Emva kwakhe uEvidence Makgopa ufake elakhe - kodwa njgelishwa loo magowuli awakwazanga ukuyihlangula iPirates ehlazweni.

Komnye umdlalo odlalwe emalanga, iMarumo Gallants iphumelele. Ibethe iPolokwane City ngamagowuli amathathu kwamabini. Iziphumo ezihle ziza kuyinceda iMarumo Gallants eyiqale kakubi isizini. Okwenzekeliyo kuza kuyinceda nasemidlalweni yeBetway Premiership. Kubi kwiPolokwane City ngoba iphume kwangoko nakwiMTN8 ekuqaleni kwesizini eqhubekayo.