Adlulele phambili Amakhosi emva kokuba eqwabaze amalungu Amatsatsantsa awabetha ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje ebusuku. Sisipho esihle abadlali beKaizer Chiefs abasinike uGqirha Kaizer Motaung ofince amashumi asibhozo eminyaka kule veki esidla amazimba. Ukuphumelela kweChiefs ziindaba ezimnandi kuNasreddine Nabi ozama ukwakha iqela eliza kuquma ihlazo elenzeke kwisizini egqithileyo.
Iqale kakuhle kakhulu iSuperSport United kwisiqingatha sokuqala. Ngamathuba aliqela ewadalileyo - kodwa uTashreeq Morris akakwazanga ukufumana igowuli engeliguqule umdlalo. UMdu Shabalala noWandile Duba badlale kakuhle noxa bebekwe esweni elibukhali yiSuperSport. UGaston Sirino uphinde wabethelela igama lakhe ezintliziyweni zabalandeli ngokufaka igowuli lokuqala emdlalweni. Aphendule Amatsatsantsa abenamandla esiswini - kodwa akavuma ukuvula ezipalini zakhe uFiacre Ntwari.
URanga Chivaviro uphose ithuba engelise iChiefs kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli amabini eqandeni. Ibuye isalwa iSuperSport ebixhathise ngoNeo Rapoo noNdlovu esiswini. UYusuf Marrt ufake igowuli lesibini emva kokuzuza ibhola entle ayidlalelwe nguSirino. Sekuphela ixesha lomdlalo, uChivaviro ufake elakhe igowuli wabavala umlomo abalandeli abebefuna akhutshwe ebaleni ngenxa yokuphosa amathuba.
Izinto ziye zambi kwiSuperSport emva kokukhutshwa kukaGape Moralo eqokelele amakhadi atyheli amabini emdlalweni. Emva kokungena kwakhe, uAshley Du Preez ufake igowulo lokugqibela ngebhola ayinikelwe nguCastilo. Kweminye imidlalo, iCape Town City ingombe iRoyal Am ngamagowuli amathathu eqandeni. Yona iMamelodi Sundowns ivuthulule iGolden Arrows ngamagowuli amahlanu eqandeni. Emalanga iMagesi yothuse umzi ngokukhupha iPirates ngamagowuli amathathu kwamabini.