Ezemidlalo

Kuphehlelelwe itumente entsha kraca namhlanje eMpuma Koloni

Pedro Mapelo|Published

Umasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay Metro, ebambisene neSebe leZemidlalo ephondweni, uphehlelele eyona tumente yebhola ekhatywayo enkulu kwimbali yebhola eMpuma Koloni ngentsasa yanamhlanje. Le tumente ekuthiwa yiHome of Legends Cup iza kudlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga ezayo (16 November 2024).

Ngamaqela amane abhengeziweyo naza kudlalela indebe ngokutsho kwabaququzeleli betumente. Amaqela amenyiweyo yiMamelodi Sundowns, iKaizer Chiefs, iGolden Arrows neChippa United yalapha eMpuma Koloni. Okwangoku ingathi yitumente eza kudlalwa igqitywe ngemini enye.

Ukuphehlelelwa kwetumente entsha ziindaba ezimnandi kakhulu kubalandeli bebhola ekhatywayo ngoba iza kubanika elinye ithuba lokubukela kufutshane amaqela amakhulu kwakhona emva kokuba bebukele aBafana Bafana ababethe iCongo Brazzaville ngamagowuli amahlanu kwiveki ephelileyo.

Phakathi kwabantu abahloniphekileyo emsithweni obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium bekukho uMphathiswa uSibulele Ngongo neenkokeli zaseNelson Mandela Bay Metro ngokwahlukana kwazo. "Kuluvuyo kum ukuphehlelela iHome of Legends Cup.

“Yitumente esemgangathweni ophezulu esizimisele ukubuyisa iinkumbulo ngokutyeba kwembali yezemidlalo eMzantsi Afrika. Siza kubukela amaqela amakhulu aquka iSundowns, iChiefs, iChippa neGolden Arrows ekhuphisana kwisiqendu sayo sokuqala," utshilo uMEC Ngongo.

"Siqinisekile ukuba itumente iza kusincedisa kwiinjongo zethu. Sifuna into ebandakanya uluntu, uhlumo lwezoqoqosho, ukuphakanyiswe kwezemidlalo nohlumo kwezokhenketho. Akunyanzelekanga ngoku abantu balapha baye eGoli ukuze babukele amaqela aphuzulu.

Ngale tumente sifuna ukubethelela iMpuma Koloni njengendawo yezemidlalo ephambili eMzantsi Afrika. Yinto enqabileyo ukudityaniswa kwamaqela amakhulu ndawonye," utshilo uNgongo ocele abantu ukuba bayixhase itumente eza kubanjelwa eGqeberha.