Ezemidlalo

Ivuyela indebe iFort Hare egqugqise kwiKing of Glory Tournament

Pedro Mapelo|Published

Emva kwetumente ebinzima, iFort Hare University igoduke incumile emva kokuphumelela indebe. IFort Hare ibethe iDikeni Sundowns ngo'3-2 emdlalweni wokugqibela weKing of Glory tournament eqingqingqithe imini yonke yangoMgqibelo odlulileyo eBunkers Hill, eMonti.

Yinkitha yamaqela ebhola ekhatywayo aseMonti, eDikeni, eGcuwa, kuTsolo nakwezinye iindawo - afumene ithuba lokukhuphisana kunyaka wesine wetumente eqhayisa kokuveza abadlali abanetalente netsala iintlola ezikhangela abadlali abanokudlala kwinqanaba eliphezulu.

Phakathi kwabantu abaziwayo, kwicala lophuhliso ebholeni ekhatywayo, bekukho uWillard Katsande owayedlalela iKaizer Chiefs, uLuxolo Matikinca ongumphathi weSekhukhune United, uNkosinathi Fountain weTS Galaxy, uSabelo weFort Hare noVusumzi Baarman.

Abadlali abaveliswe yile tumente eneminyaka emine baquka uLukhanyo July, Ukhonaye Magele noLakham Gqongo uyincome kakhulu iKing of Glory tournament ngoba yamnika ithuba lokudlale iTS Galaxy yaseMpumalanga.

"Yanceda kakhulu le tumente. Kubalulekile ubukho betumente enje ngoba inceda abantwana abafuna ukuphumelela ebomini. Inabantu abakhangela abadlali abanetalente. Abantu abatsha bafumana ithuba lokubonwa ngamaqela adlala kwinqanaba eliphezulu.

Kumnandi ukudlalela iTS Galaxy ngoba ndifunde kakhulu ngebhola nangendlela yokuziphatha. Ngaphuzulu isinika ithuba lokwaziwa ngabantu abaninzi. Mna bendikhe ndabizwa nakwiqela lesizwe (Under-19). Ibhola ayikholula - kodwa umntu makazimisele," utshilo uGqongo waseDuncan Village.

UMondli Nyosana uvakalise uvuyo olikhulu emva kokuba iFort Hare igqwesile emidlalweni ebinzima eBunkers Hill. Iqela lakhe ligoduke nesityhwentywe semali esikhatshwe yindebe neembasa. "UNyosana uthe iqela lakhe kuye kwanyanzeleka litshintshe indlela elidlala ngayo ukuze limelane nemeko yebala.

"Sonwabile siliqela ngoba okwenzeke apha kuhambelana nendlela esifuna ukulibeka kulo iqela.Abadlali bethu babonise ukuyilambela kwabo indebe emidlalweni. Sibulela bonke abasixhasileyo," utshilo uNyosana.

Ivuyela indebe iFort Hare egqugqise kwiKing of Glory Tournament