ABafana Bafana bedlala neCongo Brazzaville emdlalweni obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images
Babuyela ekhaya begoqoza nenqaku elinye aBafana Bafana emva kokuba bebambene neCongo Brazzaville ebibhokile emdlalweni ohlakulela iAfcon obubanjelwe eStade Alphonse Massamba Stadium ngentlwa yanamhlanje. Omabini amaqela adlalele ukuphumelela kwisigaba sokuqala somdlalo.
Kubekho ukungasetyenziswa kakuhle kwamathuba kwisigaba sesibini somdlalo. Ukungaphumeleli koMzantsi Afrika kuthetha ukuthi kufuneka ibethe iSouth Sudan emdlalweni olandelayo ukuze uye kwiAfcon ezayo.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa. Abadlali beCongo Brazzaville bazicacise zisuka ukuba badlalela ebaleni labo phambi kwabalandeli babo. Ibala elinguzenzele libenefuthe kwindlela abadlale ngayo aBafana Bafana abaxheshiweyo kwimizuzu yokuqala yomdlalo.
Akukho mathuba acacileyo ekwazileyo ukuwadala iCongo Brazzaville nakubeni idlale bhetele ekuqaleni. Ekuhambeni kwexesha, amakhwenkwe kaHugo Broos ayifumene igiya yamandla akwazi ukuya phambili.
Emzuzwini wamashumi amathathu anesine, uElias Mokwana ubhakuzelise umnatha emva kwebhola edlalwe kakuhle ngaBafana Bafana. Kodwa kuye konakala emva koko ngoba kuye konzakala uThemba Zwane obeluncedo kakhulu esiswini.
Indawo yakhe ithathwe nguPatrick Maswanganyi. Ilwile iCongo Brazzaville yade yafumana igowuli - kodwa alamkelwa ngusompempe ngelithi umdlali ofake igowuli. Khange kube kudala, iCongo Brazzaville ifumene igowuli phambi kokuya kwixesha lokuphumla.
Kwisigaba sesibini, ibuye ikhuthazekile ligowuli elifumene sekuphela isigaba sokuqala. ABafana Bafana bebephantsi koxinizelelo - kodwa bazamile ukuvala amazibuko kunzima kunjalo. Ekuhambeni kwexesha umdlalo woMzantsi Afrika uye waphucuka kancinci.
UHugo Broos uqinise umdlalo weqela lakhe ngokufaka uNyiko Mobi noThapelo Morena abancedisileyo kakhulu. Ebekhona amathuba okufaka amagowuli malaca - kodwa akubangakho elikwazileyo ukongeza. Umdlalo uphele ebambene ngegowuli elinye omabini amaqela.