Kungakhona ungquzulwano phakathi komqeqeshi weqela lesizwe nomqeqeshi weMamelodi Sundowns. UHugo Broos akakwamkeli ukungadlaliswa kukaTeboho Mokoena noKhuliso Mudau ngumqeqeshi weSundowns ngoba ngabadlali asimelela ngabo kwiqela lesizwe.
Kwelinye icala, uManqoba Mngqithi wathi uza kudlalisa abadlali acinga ukuba baza kunceda iSundowns. Ukungadlaliswa kukaMokoena noMudau kudale ingxoxo ngoba ayicaci kakuhle into ebangela bangadlaliswa. Besekukho abathi noHugo Broos makangababizi kwiqela lesizwe ngoba abadlaliswa kwiqela labo.
Nangona kunjalo, uBroos ubabizile ngoba ngabadlali abamncede kakhulu kwiAfcon ebisekuqaleni konyaka futhi ufuna bancedise endleleni eya kwiAfcon eza kube iseMorocco kunyaka ozayo. Bobabini abadlali baziqaqambisile emdlalweni obuseGqeberha - apho aBafana Bafana bavuthulile iCongo Brazzaville ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni eNelson Mandela Bay Stadium ebigcwele.
UMokoena uzibonakalisile ukuba usengumanqanqa womdlali ngokufaka amagowuli amabini kwisigaba sokuqala nangoba wagqibela kudala ukudlala kwiqela lakhe. Emva komdlalo, uBroos uphinde wavakalisa ukungayithandi kwakhe into eyenziwa ngumqeqeshi weSundowns.
Yinto engabangela ungquzulwano ngoba naye uManqoba uzama ukwakha iqela eliza kwenza umsebenzi ngendlela yakhe emva kokugxothwa kukaRulani Mokwena ekubonakala ngathi kukho abadlali abasakhonza yena nangoku.
"Ndibeka ithemba lam kwaba badlali ngoba ndiyabazi indlela abadlala kakuhle ngayo kwiqela lesizwe," utshilo uBroos emva komdlalo eGqberha. "Ndineminyaka emibini ndimazi uTeboho. Uqale ukudlalela aBafana Bafana akubizwa ndima.
“Ngumdlali odlala kakuhle. Mhlawumbi ebekhuthazwe kukufuna ukubonisa umqeqeshi weDowns ukuba akulunganga ukungamdlalisi. Wenze into endiyithandayo nam. Ndiyasamkela isigqibo somqeqeshi wakhe - kodwa andivumelani naso. Ndicinga ukuba kucacile ukuba kutheni ndingavumelani naye emdlalweni wanamhlanje," utshilo uHugo Broos.